Ulutsha luyaziphilisa nangona kukho ubunzima abajamelene nabo.

USiyamthanda Mangesi oneminyaka engamashumi amabini nanye, oyinzalelwane yakwilokishi yaseMdantsane, eMonti kwiphondo leMpuma Koloni, ngusomashishi osakhasayo.

Le ntwazana ikhulele kwa9 eMdantsane apho ekhayeni lakhe babengathathi ntweni besokola ngemali, kwaye bengamabhoda, kodwa nangona kunjalo bakhule ngothando ikhaya lifudumele Kwathi kusenjalo, ngethamsanqa okanye ngelishwa, kwanyanzeleka ukuba bafudukele ematyotyombeni, lo nto yabangela utshintsho olukhulu ebomini babo kunye nasengqondweni kodwa uSiyamthanda uthi lo nto ayizange ibeyingxaki kuye kuba wayekholelwa ukuba angenza ngcono, enokholo lokuba uzakulithatha ikhaya lakhe alibeke kwizinga eliphezulu ngenye imini.

USiyamthanda uthi i _Mangesi Fragrances_ wayisungula ngonyaka ka-2022 emveni kokhuthazeka ngoosomashishini baseMdantsane naseMonti, wafuna ukuqala ishishini kodwa ngenxa yokunqongophala kwemali yokuqala ishishini akazange akwazi.

“Kuthe ngo-2022 ndaphefumlelwa ngoosomashishini abohlukeneyo ndafuna ukuqala into, engqondweni yam ndandifuna ukujoyina i-Inuka kodwa ndandingenamali yokuyiqala ndagqiba ekubeni ndizifumanele umsebenzi wempelaveki, kuba ndandifuna ukufumana inkunzi yokuqala ishishini, ndenza uphando lwam malunga nayo yonke into yamashishini kunye neziqholo”, utshilo uSiyamthanda.

USiyamthanda uthi wafumana ulwazi oluthe kratya lokuba endaweni yokuba angene kwishishini lokuthengisa makaqale elakhe ishishini, wathatha isigqibo sokuba aqale elakhe ishishini walibhalisa, waqala ukushishina esenza ibanga lakhe lesithoba esikolweni. Uthi ngexesha eqala elishishini, kwaanyanzeleka ukuba ancame konke awayekufuna njengomntwana, agcine imali ukuze akhulise ishishini lakhe.

“Ndancama izinto ezininzi, ekuzithengeleni impahla entsha, ndayeka nokuthenga amagwinya esikolweni ndatya kukutya okuphakwayo kwesikolo. Ngamanye amaxesha ndandihamba imini yonke ndingatyanga kuba ndandizazi ukuba ndifuna ukwenza ntoni ngale mali ndiyigcinayo, ngamanye amaxesha kube nzima nasekhaya kodwa kwakufuneka ndiziqeqeshe”.

“Ndandibhatala yonke into ngokwam, andizange ndabelana nalo mbono nosapho lwam kuba ndandisazi ukuba bazakundenza ndizive okokungathi ndiyaphambana, babezakwenza umbono ubonakale ungenakwenzeka ngelixa mna ndinephupha kwaye ndiyazi into emandiyenze”.

Emveni kokuba efikelele kwithagethi yakhe yokonga imali, waqalisa eyakhe iBrand yesiqholo i”Mangesi Fragrances”. Uthi ekusunguleni kwakhe elishishini, wooothusa abantu abaninzi kuba babengayilindelanga lonto kuye nasekhayeni lakhe kodwa waaqinisekisa ukuba wenza konke okusemandleni akhe kwasekuqaleni.

Ekuhambeni kwexesha, uSiyamthanda waqaphela ukuba ishishini eli lakhe lizakumtyela ixesha ezifundweni zakhe zebanga leshumi, kwaye kwanyanzeleka ukuba akhethe phakathi kweshishini kunye nesikolo, wakhetha isikolo.

“Ngo-2023 ndandingenaxesha lalo ishishini kuba ndandisenza ibanga leshumi kwaye kwakufuneka ndikhethe, ndakheha isikolo kuba ndandifuna ukophula isiqalekiso sesizukulwana sokungabinamalungu osapho afikelele kwibanga leshumi kwaye ndisiphumelele ngokwenene, ndafumana iBachelor’s. Ndandingenguye ke nomntu okrelekrele eklasini, kodwa ndenza konke okusemandleni am”.

“Yonke into endiyenzileyo nendisayenzayo, injongo kukukhuthaza umntu olandelayo. Abantu basijongela phantsi emakhaya kodwa ndiyayijika imeko kungekudala, ndifuna ukutshintsha isidima sikaMangesi nditshintshe iimpilo zabanye abantu kungoko ndiququzelela umsitho wokuXhobisa ulutsha lwaseMdantsane ukuxhobisa umntu omtsha olandelayo ukuze enze ngcono.”

USiyamthanda uthi ukuhlala endlini ulinde ukuqeshwa akuyonto ilungileyo. Uthi icebo ngoku umntu makazame iinzame zokuphilissa kuqalwe amashishini, ku _Phandw’ eMzantsi_ .

“Ndifuna ukuzisa ithemba kwabo bangenathemba kuba ndikholelwa ukuba lo gama sinengqondo, izandla kunye nemilenze yethu esebenzayo singenza ngcono.”

Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA