18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

IiJunior All Blacks ziiNtshatsheli zoMbhoxo.

Iqela bombhoxo lamadoda angaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U20) ubudala, iNew Zealand ibentshatsheli boMbhoxo, oku kwenzeka emva kokubetha iAustralia. I-All Blacks ezincinci zibethe i-Wallabies ezincinci ngamanqaku angamashumi amathathu anesithandathu kumashumi amabini anesihlanu (36-25).

IiBoks ezincinci zona nangona zingaqhubanga kakuhle kuletumente kodwa bagqibezele ngendlela ephucukileyo nencomekayo. IiBoks ezincinci zibethe i-Argentina kumdlalo obungekho lula ngamanqaku angamashumi amathathu kumanqaku angamashumi amabini anesibhozo (30-28).

LeTumente ibiqala ukudlalwa ngabangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U20). IiBoks ezincinci bezihamba ngemva ngeshumi elinesine (14) lonke lamanqaku kwisiqingatha sokuqala somdlalo kodwa zabuya kakubi kwisiqingatha sesibini (2) zawuphumelela umdlalo zibetha ii-Pumas zaseArgentina.

Ngokuqinisekileyo ikhona into ethethwe ngumqeqeshi wezitsibabhokhwe ezincinci ngethuba lekhefu sele zibuye zivutha amadangatye bhe.

NguPhillip-Albert van Niekerk oqabelise iipenalti ezimbini (2) neeconversions ezimbini (2) kumabhokobhoko amancinci. Amabhokobhoko amancinci alale emgceni amatyerli amane (4) zona iPumas zayolala emgceni kanye (1). Letumente ibidlalelwa eBokarina kwelaseAustralia, kunjalo nje ibigqityezelwa phezolo umhla weshumi elinesibini (12) kuCanzibe ngeCawa ezintsukwini.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks