Kusweleke abantu abane kwaze konzakala abasibhozo emveni kwengozi ezimbini ezahlukeneyo ezenzeke kwiindela zeliphondo izolo, umhla weshumi elinesithathu (13) kuCanzibe 2024.
Mabini amadoda asweleke kwingozi ebandakanya iilori ezimbini kwindlela uR72 kude kufuphi nelali yaseMonti, iTsholomnqa. Kule ngozi bekubandakanyeka iloli yeIsuzu ebinamadoda amathathu esuka ngasePort Alfred, le loli ingqubene nohlobo lweloli eyiHino Rigid ebinamadoda amabini, yona isuka ngaseMonti. Abaqhubi beziloli babhubhele kwindawo yexhwayelo bobabini, kanti abanye abakhweli bona bonzakele ngeendlela ezahlukeneyo.
Ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa izolo, ingozi eyenzeke kuhola wendlela uR61 phakathi kweKaladokhwe neTakastad isube imiphefumlo emibini, ngelixa umqhubi weveni ephulukana nolawulo yaza yabhukuqa.
Iveni le ibikhwele amadoda asixhenxe isiya ngaseKaladokhwe ngexesha lengozi. Abakhweli ababini ebebekhweli ngasemva kuleveni babhubhele kwindawo yexhwayelo lo gama abanye ebebekhwele kuquka nomqhubi befumana umonzakalo.
Kuvulwe idokethi lokubulala ngokungenanjongo malunga nale ngozi kuhola wendlela uR72 njengoko bobabini abaqhubi bebhubhele kwindawo yexhwayelo.
Okwa ngoku kusaphandwa ityala lokubulala ngokungenanjongo ngesisehlo esikufutshane neKaladokhwe.