UMphathiswa uRonald Lamula, uphinde wavula uphando malunga nokubhubha kukaAlbert Luthuli namanye amatshantliziyo obandlululo.

UMphathiswa wezoBulungisa kwiiNkonzo zoLuleko uRonald Lamola, uvule kwakhona uphando malunga nokubhubha kwamatshantliziyo awayechasene nocalucalulo, uNkosi Albert Luthuli kunye noGriffiths Mxenge kwakunye nenkokeli yasekuhlaleni uBooi ​​Mantyi.

Oku kulandela iingcebiso zeGunyabantu leSizwe loTshutshiso (NPA). ULuthuli wasweleka ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 1967 ngengxelo esemthethweni echaza ukuba watshayiswa nguloliwe. Nangona kunjalo, uphando olwenziwa ngenyanga yoMsintsi 1967 aluzange luyithathele ingqalelo ingxelo yezibalo nesayensi eyatyhila ukuba, oko kwakungenakwenzeka.

UMxenge waphulukana nobomi bakhe ngomhla wamashumi amabini (20) kweyeNkanga ka-1981, phantsi kweemeko ezingaqondakaliyo. Ubungqina obutsha bolwazi olubalulekileyo abuzange bunikezelwe kwi-TRC.

Ukanti uMantyi wabulawa kwisityholo sokuxambulisana namalungu ombutho wamaPolisa oMzantsi Afrika kweyeSilimela ka-1985. Uphando olutsha luchonge umntu owazibonela ngawakhe amehlo nongazange anike bungqina ngaphambili ngalo mba.

By Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.4 ° C
27.4 °
27.4 °
43 %
1.9kmh
89 %
Thu
27 °
Fri
35 °
Sat
30 °
Sun
21 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA