27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

IPOLISA LIDUTYULWE PHAMBI KWEKHAYA LALO

Abaphathi bamapolisa balusizi kwaye bothukile kuSajini wamapolisa oneminyaka engamaShumi amane anesibini (42) odutyulwe wabhubha phambi kwekhaya lakhe ngentsasa yangeCawe malunga nentsimbi yesihlanu (05h00).

Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba ngeCawe yomhla we-18 kweyeThupha iPolisa ebeli ngaphangelanga emsebenzini eMonti iK9 Unit lidutyulwe ngabantu abangaziwayo ebebexhobile phambi kwendawo ahlala kuyo eNU11b, eMdantsane ngaphandle kwaseMonti. Ekufikeni kwamapolisa, afumana umzimba wakhe unamanxeba eembumbulu kumzimba ongasentla. Ngethuba besenza uphando, bafumanise ukuba akukho nto ithathwe kwizinto zakhe, kwaye isithuthi sakhe safunyanwa kwindawo yexhwayelo.

Iimeko ezingqonge eso siganeko ziyinxalenye yophando. Akukabanjwa mntu.
Eli tyala lithunyelwe ngoko nangoko kwicandelo loPhando loBugebenga noPhando (Hawks) ukuze kuphandwe ngalo.

Umkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene usichaze njengesothusayo nesikhathazayo esi sehlo nanjengoko amalungu amapolisa ingawo anoxanduva lokulwa ulwaphulo-mthetho ukanti akwizibalo zokubulawa kwamapolisa ngootsotsi abangenantliziyo. Uhlaba ikhwelo kuluntu ukuba luze nolwazi olunokuthi luncede ukuba bagwetywe abenzi bobubi. “Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lukaSajini noogxa bethu, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” uvale ngalo mazwi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks