Emva kwemidlalo esibhozo (8) nebiyeyokugqibela izolo kuye kwabhengezwa amaqela okuqala asibhozo (8) eDSTV Premiership. Lamaqela asibhozo (8) azakudlala kwindebe yeMTN8 kwisizini ka2024/25.
Kwindawo yokuqala (1) ziinjinga zeDSTV Premiership iMamelodi Sundowns nezithe zabethwa kumdlalo wokugqibela ngenqaku elinye eqandeni (1-0), bebethwa yiCape Town City, nto leyo eyenze ukuba ingakwazi ukophula irekhodi lokungabethwa isizini yonke. Kwindawo yesibini (2) ibeliBhakabhaka elithe ladlala ntanganye ngenqaku macala (0-0) neSupersport United.
Kwindawo yesithathu (3) yasiStellenbosch FC emva kokubethwa ekuhambeni yiRichards Bay ngamanqaku amabini kwelinye (2-1). Kwindawo yesine (4) ibe yiSekhukhune United nebethe iChippa United ngenqaku elinye eqandeni (1-0) ekuhambeni.
Indawo yesihlanu (5) yaba yiCape Town City nethe yabetha iphoxa iSundowns ngenqaku elinye eqandeni (1-0) nalapho iSundowns bengakwazanga ukophula okanye ukwenza irekhodi elitsha lokungabethwa. Indawo yesithandathu (6) yiTS Galaxy nebethethwe yiPolokwane City ekuhambeni ngenqaku eqandeni (1-0).
Kwindawo yesixhenxe (7) yaba yiSupersport United nebambene nePirates ngelinye macala (1-1). Ukuvala ucango kwindawo yesibhozo (8) yaba yiPolokwane City nethe yazibethela iRockets ngenqaku elinye eqandeni (1-0).
IKaizer Chiefs isuswe kwindawo yesibhozo (8) yiPolokwane City emva kokubethwa yiCape Town Spurs ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) liqela esele lehliselwa. IChiefs iyokuhlala kwindawo yeshumi (10).
IGolden Arrows ifumene indawo yethoba (9) emva kokubetha Amazulu ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1) kwidabi laseThekwini. Amazulu wona ayokuhlala kwindawo yeshumi elinanye (11).
Kwindawo yeshumi elinesibini (12) kuhlale iChippa United nebethwe yiSekhukhune United ngenqaku elinye eqandeni (1-0) ibethelwa kowayo.
Kwindawo yeshumi elinesithathu (13) yayiThwihli Thahla nebethe iSwallows ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) iyibethela kowayo. ISwallows yona yayokuhlala kwindawo yeshumi elinesine (14) emva kokubethelwa kowayo kumdlalo wokugqibela ibethwa yiRoyal AM FC.
Kwindawo yeshumi elinesihlanu (15) yaba yiRichards Bay nethe yabetha iStellies ngamanqaku amabini kwelinye (2-1). Ekugqibeleni emsileni kwindawo yeshumi elinesithandathu (16) ibe yiUrban Warrious nethe yaphoxa amaqela amabini kwimidlalo emibini (2) yokugqibela. Ukhumbule ukuba iSpurs sibambene ngenqaku (1-1) naBafana Besithende kwiveki ephelileyo, izolo kumdlalo wokugqibela yaphoxa Amakhosi ngokuwabetha ngamanqaku amabini eqandeni (2-0).
Imidlalo yeMTN8 Wafa-Wafa iSundowns izakuqubisana nePolokwana City, iPirates iqubisane neSupersport United, iStellies sidlale neTS Galaxy ze iSekhukhune Unted idlale neCape Town City.
By Siphiwo Boqwana.

