By Nyameka Lamani
Iinkokheli zikaMasipala iDr AB Xuma izolo umhla weshumi elinethoba bezibambe indibano nabameli boshishino lweeteksi, oku kulandela ukuphazamiseka okuthe kwachaphazela ukuhamba kwezithuthi kunye nokusebenza koshishino edolophini eNgcobo.
Le ndibano ibizinyaswe bubukho buka Sodolophu ka Maspala wesithili iChris Hani, umkomishinala wesithili wenkonzo yamapolisa, amagosa esebe lezothutho, kunye ababandakanyekayo.Eligqiza libonakalise ukuzibophelela ekubuyiseleni ukusebenza kwesiqhelo kunye nokuqinisekisa impilo-ntle yoluntu.
Isisombululo soxolo ekufikelelwe kuso, sivumela iinkonzo zothutho kunye nemisebenzi yezoshishino ukuba iqalise kwakhona ngokukhawuleza. Abameli boshishino lweeteksi bavumile ukusebenza ngentsebenziswano noMasipala kunye nabo bachaphazelekayo njengoko kuqhubeka iingxoxo ukulungisa le nkxalabo iphakanyisiweyo.

