By Nyameka Lamani
UFiroz Cachalia umpathiswa wamapolisa obambeleyo kunye nomphathiswa wezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko kunye nosihlalo weqela le-JCPS, uMmamoloko Kubayi, bebezimase umnyhadala ububanjwe ngoLwesithathu,we-G20 wesimo sokulungela ukunyanzeliswa komthetho phambi kokuba uMzantsi Afrika usingathe ingqungquthela ye-G20 ezokube ibanjwe eRhawutini ngomhla wamashumi amabini anesibini(22)ukuya kumashumi amabini elinesithathu(23) kweyeNkanga ka 2025.
Ababaphathiswa bebedibene noosekela baphathiswa bamapolisa, uPoly Boshielo kunye noCassel Mathale.
UMphathiswa uKubayi uvakalise umbulelo kwii-arhente zogcino-mthetho ngeenzame zazo ngexesha le-Ofisi kaMongameli ye-G20. Ubabulele ngokuncedisa ekubambeni umisitho ngaphandle kweziganeko. Umbulelo wakhe uqaqambise indima yabo ekwenzeni uMzantsi Afrika ube yindawo enokuthenjwa yeendwendwe. Njengokuba iNgqungquthela ye-G20 yokuqala kwilizwekazi lase-Afrika isondela, ugxininise ukubaluleka kokubonisa ihlabathi amandla oMzantsi Afrika kwaye wavakalisa ukuzithemba ukuba amaqela azakuqhuba kakuhle.

