Iinkonzo zezothutho, isikhululo seenqwelomoya saseMthatha siqalise ukusebenza.

ISebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni liqinisekise abahlali baseMthatha ukuba zonke iinkonzo zothutho kuquka nesikhululo seenqwelomoya saseMthatha zizakuphinda ziqalise ukusebenza. Oku kulandela ukumiswa komsebenzi ngoMvulo ngenxa yoqhankqalazo olunxulumene noonoteksi.

Isithethi sezothutho ephondweni u-Unathi Binqose uthe kuye kwamiswa iinkonzo kwisikhululo seenqwelomoya emva kokuba amadoda amahlanu axhobileyo ebenxibe iibhalaklava ehlasele eli ziko, egrogrisa ngokusitshisa kwaye ayalele ukuba sivalwe kwangoko.

La madoda mahlanu abanjwe emva kokudubulana namapolisa, amabini kuwo onzakele.

UBinqose uthi uMphathiswa wezoThutho uXolile Nqatha, ubona uhlaselo kunye nokuvalwa ngenkani kwesikhululo seenqwelomoya saseMthatha izolo njengesenzo sokungakhathali nokuxhokonxa urhulumente ngqo.

Uwancomile amapolisa ngomsebenzi omhle awenzileyo ukukhusela la ndawo, kwaye ukwamkele ukuqaliswa kweenkonzo kwisikhululo seenqwelomoya namhlanje. Uthi uMthatha ukwamkele ukufika kwamalungu eSANDF, nathe asandisa ukhuseleko lwawo ukubuyisela nokugcina umthetho nocwangco.

 

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA