Amapolisa aphanda ngokubulawa koonoteksi abathathu eMpuma Koloni emva kokudubulana.

Amapolisa eMpuma Koloni aphanda amatyala amathathu okubulala kwaneshumi elinesithathu lokuzama ukubulala eNqanqarhu eyayifudula isaziwa njengeMaclear.

Oku kuza emveni kokuba kudutyulwe abaqhubi abathathu beeteksi kudushe phakathi kwamaqela amabini oonoteksi izolo. Aba balishumi elinesithathu bonzakele kakhulu kwaye basuswe kwisibhedlele iMacler basiwa kwiNelson Mandela Academic Hospital.

Ngokwengxelo yeendaba zeSABC, ingqonyela yesiBhedlele saseMaclear, uGq Ngazibini Mashiyi, uyacacisa.

“Abanikazi beeteksi nabaphathi bafike nezithuthi zabo, safumanisa ukuba omnye ubhubhele kwindawo yexhwayelo, omnye wabhubha efika apha. Oogqirha bam kunye nomntu wonke bebekhwele ngenene kwaye ndingathanda ukuncoma abasebenzi bam, babonakalise ubuntu obuninzi kuba bebaninzi abasebenzi bokhuseleko kunye nemipu emininzi. Ewe, baqhube kakuhle kakhulu kuba sikwazile ukunyanga abantu abadutyulweyo.”

By Siyakholwa Vuso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA