15.6 C
King William's Town
Wednesday, November 29, 2023

Iinoba kuyagwetywa. Kudlwengulwa umtu, kungenwe nakwizilwanyana.

Basothukile bebambe ongezantsi abahlali emva kokuba indoda yaseZingcuka eTlokoeng(Mt Fletcher) idlwengule iibhokwe zikamakhelwane ezine(4) nekati ze emvakoko yazibulala.

Ngokwengxelo evelayo kutyholwa ngelithi lendoda idlwengule ezibhokwe nezichazwe njengezikamakhelwane nekati yakhe. Lendoda kuvakala ukuba ithe yakugqiba ukwenza elisikizi, yathatha imfuyo yayo leyo iyidlwengukeyo yayifaka emlilweni.

Lomkhuba kuthiwa ubhaqwe ngabafana belali abebezidlulela ecaleni komzi baza bahlaba umkhosi bebiza abantu belali.

Iimpukane eziluhlaza zithi ubethwe kanobomi ngabahlali ingakumbi omama de wavuma ukuba ngenene uzidlwengule izilwanyana.

Kuthe kusenjalo agaleleka amapolisa ezokuthatha umhlekazi lo. Sithetha nje useluvalelweni lwamapolisa eTlokoeng.

Singqiniwe esisiganeko Ngusibonda welali uMotoeti Letele. “Ndingakungqina ukufumaneka kwebhokwe ezine nekati sele zifile endlini yayo lendoda. Endingenawukwazi ukuyingqina ngumdlwengulo lo”; utshilo Letele.

Uthe lendoda ivume ukuba izidlwengule ezibhokwe nekati emva kokubethwa kanobom ngoMama. Xa sijonga sifumanise ukuba ezibhokwe zibulewe ngumsi nanjengoko lendoda ibizibasele ubusuku bonke endlini”; ugqibezele ngelitshoyo usibonda.

Note: Umfanekiso ngoweThe Informer News

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
68 %
6.7kmh
98 %
Wed
21 °
Thu
29 °
Fri
39 °
Sat
26 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks