Uncedo luyeza ebantwini.
UMaspala woMbhashe eDutywa,kwicandelo leSPU ububambe intlanganiso neentloko zamacendelo azisa uncedo eluntwini phantsi kwedolophu yaseDutywa namhlanje.
Eliphulo lihle, nebelikhokelwa nguSihlalo uCllr Ndawule esekelwa nguMs Gwebindlala. Lentlanganiso nebisenzelwa ukuqulunqa kwanokucwangcisa imisebenzi esezakwenzelwa uluntu kunyaka-mali ka2023 ukuya ku2024.
UMaspala uthi wonele kukutsalwa ngentshebe ngosomashishini bangaphandle anyhashe abekhaya. Uthi eli lixesha lokuba kuqalwe ngabekhaya kuqala kwaye iimfuno zabo ziye kubo.
Kwabebemenyiwe kulentlanganiso, yiBomela Youth Co- op; iSAYC ; indlu yamaXhosa iKumkanikazi uNonzuzo Sigcau waseNqadu ; Nyhwarha HBC; Akhinzolo kunye neDPSA.
Ezintloko nebezimele amashishini nalawo angenanto yakwenza noRhulumente, ebelapha ukudakanca phandle izicwangciso zophihliso oluya ebantwini kwiinzame zokuncedisana noMaspala wombhashe.