IKomishini yamaLungelo oLuntu ihlaba ukhwelo malunga nezindlu zangasese ezintsha ezingakhuselekanga kwizikolo zaseMpuma Kapa.

By Lilitha Phenduka.

ISikolo samaBanga aPhantsi esikwiFama i-Meisies Halt, eMonti, sesinye sezikolo ezingamakhulu amane (400) eMpuma Kapa ezisasebenzisa izindlu zangasese ezinemingxuma eyingozi ezinokubabulala.

Ngelixa iSebe lirhuqa iinyawo kwaye lingazisebenzisi izicwangciso njengoko kucetyisiwe kwinyathelo lalo elithi “ucoceko olufanelekileyo kwiMfundo” (SAFE), ilungelo lokuphila, isidima somntu, kunye nemfundo esisiseko zisagxojwa kanobom.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMdumba ka-2023, iphepha iDispatchLive yanika ingxelo yokuba iphondo laseMpuma Kapa liphulukene nesigidi seerandi zeSibonelelo seZiseko zoPhuhliso zeMfundo nesenzelwa iziseko zophuhliso zezikolo zikarhulumente.

Le mali ayizange isetyenziswe ekupheleni konyaka-mali lo gama ubume beziseko zophuhliso lwezikolo eMpuma Kapa busemanyumnyezi.

Kwisikolo iVanani, uninzi lwabafundi lufunda kumatyotyombe ezinki azele yimingxuma emikhulu kangangokuba unokubona ngaphandle. Xa kunetha, amanzi agalela kwiincwadi neentloko zabo.

Libanga lokuqala (1) neleSithathu (3) kuphela anamagumbi okufundela afanelekileyo lo gama amanye, ukusuka kwibakala R ukuya kwibanga lesixenxhe (7), bafunda kula matyotyombe avuzayo.

Ootitshala bathi isebe lezemfundo eMpuma Kapa labathembisa ngezindlu zangasese ezifanelekileyo kunye nesikolo esitsha kwiminyaka emininzi eyadlulayo kwaye lide lafumana umhlaba eSantini wesakhiwo esitsha kodwa ngenxa yokuba umhlaba ubungabiyelwanga kwaye nesebe libambezela ukwakha, abantu baqala ukuwuhlutha lo mhlaba ngokungekho mthethweni kwaye ngoku abavumi ukuhamba.

ISithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Kapa uMalibongwe Mtima uthi isebe alinaxanduva kuba isikolo sesabucala. UMtima uyibethelele into yokuba esi sikolo sesabucala, asikho phantsi kwesebe kwaye nootishala abangabo abesebe. Kodwa ootitshala abavumi, besithi baqeshwe liphondo.

Ngokwengxelo yephephandaba iDaily Mavericks, ikomishoni yamalungelo yagunyazisa ekuqaleni kwenyanga yoMdumba ka-2025 ukuba isebe linike ingxelo kuyo zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathandathu (60), lichaza amanyathelo athathiweyo ukuphelisa izindlu zangasese zesintu; amanyathelo aphunyeziweyo okuqinisekisa ukuba zonke iindawo zococeko ziyahambelana nezikhokelo kunye namaxesha okujongana nezikhewu ezichongiweyo kwiziseko zogutyulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA