By Lilitha Phenduka.
Amadoda amahlanu ebezivale ubuso abaleke nesithuthi sikarhulumente kwisenzo sobusela kwii-ofisi zoBambiswano kuRhulumento nemiCimbi yeMveli (Cogta) eBhisho, ngoLwesine.
Enika ingxelo ngesi sehlo, isithethi sezoThutho eMpuma Kapa u-Unathi uBinqose uthi amadoda amahlanu ekutyholwa ukuba ebexhobe ngemipu angene kwii-ofisi zakwa Cogta.
Abathathu kubo bebevalele abasebenzi bezokhuseleko, ngelixa abanye ababini befune ukuboniswa kwiofisi yolawulo lweenqwelo, apho bafumane isitshixo semoto yohlobo lwe-Nissan Navara (GGL 472 EC) kwaye basebenzise iithegi ezisemthethweni ukuqhuba ngayo.
Nangona kunjalo, uBinqose uveze ukuba esi sisithuthi sikarhulumente seseshumi (10) esithe sabiwa okanye saxhwilwa ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka, kwaye izithuthi zikarhulumente ezingamashumi amahlanu anesihlanu (55) ziye zaqweqwediswa okanye zabiwa phakathi kwenyanga yoMnga ka-2024 ukuyothi ga kwinyanga yoMqungu.
Okothusayo kukuba, ezingamashumi amane anesibhozo (48) ezithuthi kwezi ziganeko zibandakanya ukuqweqwediswa, apho amagosa aye ajongana ngqo nezaphuli-mthetho.
Kwisithili sase-OR Tambo iidoplophu ezifana noMthatha, Libode, Ngqeleni kunye noQumbu zichongwe njengezona ndawo ziphambili, kwakunye neNgcobo kwisithili sase-Chris Hani.
Amaqela asebenza ngokusondeleyo namapolisa, afumene iimoto ezingamashumi amabini anesithandathu (26) ezibiweyo, kodwa ezingamashumi amabini anethoba (29 ) azikafunyanwa.
UBinqose uthi esi siganeko sele sibikiwe emapoliseni ukuze kwenziwe uphando kunye nokulandela abarhanelwa kunye nemoto.

