IKomishini yoKhuphiswano ithi abemi boMzantsi Afrika banelungelo lokwazi inyani malunga nokurhwaphilizwa kweebhanki ezithile ngokwerandi.
IKomishoni iye yaya kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuba ifake imvume yokufaka isibheno kwisigwebo seNkundla yeziBheno zoKhuphiswano (CAC) kwityala lokurhwaphiliza kwerandi.
INkundla yeziBheno izichithile izityholo zeKomishoni yoKhuphiswano lokurhwaphiliza kwerandi kwiibhanki ezili-17 zasekhaya nezamazwe ngamazwe.
INkundla yeziBheno igwebe kuphela iibhanki ezintlanu, ekulindeleke ukuba ziqhubeke netyala leKomishoni kwaye mhlawumbi zijongene nokuxoxwa kwetyala.
IKomishoni iye yathandabuza isigwebo se-CAC apho uninzi lweebhanki ezibandakanyekayo ziye zakhululwa ngaphandle kokuba ziqale zivume ukuzithethelela.
Isithethi seKomishoni uSiya Makunga uthi, “Kuyinkolelo yam ukuba uMzantsi Afrika awuzuphumla de banike iimpendulo zokuba ngaba ezi bhanki zidibene okanye zalungisa ixabiso lerandi, phakathi kuka-2007 no-2013.
“Yinkolelo yethu emandla ukuba isibheno sinika ithuba inkundla epheleleyo yeejaji kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuba yenze isigqibo sokuba ingaba iKomishoni yoKhuphiswano inalo na igunya lokugweba iinkampani ezitshutshisa ngaphandle kwoMzantsi Afrika.”

