Baphinde bakhala abahlali bakuCentane eMpuma Koloni abaxhomekeke kwiPosi yasekuhlaleni ngeenkonzo zeposi nezemali. Bathi urhulumente akazihoyi iimfuno zabo ngokusilela ukujongana nemiba egquba kule Posi.
Kunyaka ophelileyo, imithombo yeendaba yabika ukuba umbane ucinyiwe ePosini ngenxa yokungahlawulwa. Ngoku, ubungenawo umbane kwakhona ukusukela ngoDisemba wonyaka ophelileyo.
Iinkonzo eziquka iintlawulo ze-Arhente yoMzantsi Afrika (SASSA) ziphazamisekile, nto leyo enyanzelise abahlali ukuba baye eGcuwa.
Abahlali bakuCentane kudala bethetha ngengxaki yabo enxulumene nePosi yabo iminyaka. Inikezela ngenkonzo kwiilali ezingaphezu kwama-45 kwindawo engqongileyo. Kwabaninzi, ukuya eGcuwa asiyondlela inokwenzeka.
Inkokeli yemveli uNkosi Malibongwe Phikisa uthi, “Abantu beza apha bezokufumana iintlawulo zabo zakwaSASSA kuthiwe mabaye eGcuwa. Yi-R55 ukusuka kwezi lali ukuya edolophini, kuthiwa bayifumana phi imali yokuya apho? Abanye baphela begoduka bengahlawulwanga. Le ndawo kufuneka ikhathalelwe, umbane ubuyiselwe, kusikwe ingca kufakwe ucingo.”
Umhlali uYandisa Dukani uthi, “Abantu abadala basemngciphekweni wokuphangwa apha njengoko ubona ukuba lihlathi eli kwaye ayikho enye iPosi kule dolophu. Sifuna aba bantu babe nokhuseleko ngelixa besebenzisa le Posi; sifuna ibiyelwe.”
Umxhamli wegranti uNtombekhaya Tyhalibhongo uthi, “Asiyifumani yonke imali yethu kwezi venkile kwaye zisoloko zigcwele imigca emide. Besifumana yonke imali yethu apha khange sixelelwe ukuba enye ishiyelwa i-bank charges. Siyasokola sihamba ivenkile ngevenkile singancediswa. Silapha okwesibini ngoku.”
Unobhala wengingqi yeSouth African National Civic Organisation (SANCO) uMvuseleli Tonisi uthi, “Le Posi ayinakuvalwa kuba ibonelela ngeelali ezingaphaya kwamashumi amane anesithandathu ngoko baninzi abantu abafuna ezi nkonzo. Ukuba umntu usebenzisa i-R55 kwisithuthi sokuza apha kwaye kufuneka asebenzise i-R55 ngaphezulu ukuya eGcuwa. Baza kuyenza njani loo nto?”
IPosi yoMzantsi Afrika ithi isebe lakuCentane lenza kuphela iintengiselwano ezingezizo ezemali kunye neendawo zokurhola imali. Icebise abathengi ukuba basebenzise isebe laseGcuwa kuzo zonke ezinye iinkonzo.
I-parastatal etsala nzima ivale amasebe angama-313 ukususela kunyaka-mali ka-2020/2021, apho angama-24 ebekwinyanga ezili-10 ezidlulileyo.