Uninzi lweendawo zokuhlala zamaxhoba (Shelter) azikhuselekanga kwabasetyhini nabantwana. Oku kungokweKomishoni yoLingano ngokweSini. Inika amagqabantshintshi kwiKomiti yeMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo yePalamente malunga nenkqubela yophando lweminyaka emininzi malunga nemeko yeendawo zokuhlala zamaxhoba odushe olusekezelwe kwisini kunye nokudlwengulwa kwilizwe liphela.
Uphando lwenziwe ukusuka ngo-2019 ukuya ku-2022.
Ingqonyela yeKomishoni uDennis Matotoka uthi abasebenzi bokhuseleko kwiindawo zokuhlala bahlala bengaqeqeshwanga ngokwaneleyo.
“Ulwimi olusetyenziswa ngoonogada luyatyhafisa kakhulu. Ithi abantu abagada amaxhoba abajongwa. Esithi abanalwazi ngezinto ezinokwenzeka ngokuhlukunyezwa ngokwesondo, kukho umngcipheko wokuba adlwengule ngakumbi amanye amaxhoba.”
UMatotoka wongeza ngelithi, oonogada kwiindawo zokuhlala abasoloko bexhobela ukukhusela amaxhoba xa kukho ukophulwa kokhuseleko.
“Abanye babo abanazo nezixhobo ezifanelekileyo zokuzikhusela, basebenzisa ipepile yesitshizi ( Pepper spray) , ukuba kukho umntu oza apho, umenzi wobubi eze nemipu kuthetha ukuba abezokhuseleko abazukwazi ukunceda kuba behobe nge pepper spray kuphela.”

