23.4 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

IKomiti yethutyana yePalamente ephanda urhwaphilizo ifuna ukufaka uRamaphosa kuluhlu lwamangqina.

By Esona Magawana.

Bathi uMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi ubize abantu abaninzi ngethuba enika ubungqina kwiintsuku ezintathu kwiKomishini kaMadlanga kwiveki ephelileyo, kwaye kufuneka bonke banikwe ithuba lokuphendula. Ikomiti yethutyana iye yadibana ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMSINTSI 2025, ukuze icwangcise ezayo iindibano emva kokuqukunjelwa kobungqina bukaMkhwanazi kwiveki ephelileyo yiKomiti kaMadlanga.

Ngethuba enika ubungqina bakhe phambi kweKomishoni kaMadlanga, uMkhwanazi ubhekisele kubantu abaninzi, kuquka nelinye ilungu lekomiti yethutyana, uDianne Kohler Barnard. Ilungu lePalamente, uFadiel Adams, ophuma kwiNkongolo yeSizwe yabeBala (NCC) naye uthiwe thaca nguMkhwanazi, notyhola ngelithi la maLungu ePalamente mabini aziphatha kakubi iinkcukacha zamapolisa.

Igama likaMongameli uRamphosa lavela ngexesha uMkomishinala wamaPolisa kaZwelonke uFannie Masemola kunye nendlela awaxelelwa ngayo malunga nokuchithwa kweqela elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko.

Ilungu lekomiti uDavid Skosana uthe mabavele bonke ngenxa yesi sizathu.

“Bakhankanywe amatyeli aliqela. Omnye endiza kumcela ukuba abandakanywe nguMongameli Ramaphosa,” utshilo.

Le komiti yongeze amagama omphathiswa omisiweyo uSenzo Mchunu, uCedrick Nkabinde, nowayesakuba ngumkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uKhehla Sithole, kuluhlu lwamangqina.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
38 %
5kmh
48 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks