I-IPID iyawakhaba amaBango asasazwa kumakhasi onxibelelwano kuphando lukaMeyile.

ICandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) liwakhabile amabango asasazwe kumaqonga onxibelelwano malunga nophando lwalo lokubhubha kukaBonke Meyile obesebenza njengomphicothi-zincwadi esebenzela iqumrhu loPhicotho-zincwadi Jikelele loMzantsi Afrika (AGSA) ekutyholwa ukuba wabhubha eselugcinweni lwamapolisa kwisikhululo samapolisa eGonubie, eMonti kwekaCanizbe 2025.

Kwingxelo ekhutshwe yi-IPID igxininise ukuba akukho ngxelo yokugqibela yophando ikhutshiweyo ngetyala, ngokuchaseneyo namabango athethwa ngumhlalutyi weenndaba zoluntu kwikhasi lonxibelelwano uTikTok, uLunga Ngcabashe.

“Ityala lisaphandwa kwaye i-IPID ayikakhuphi ziphumo zophando njengoko kutyholwa nguMnu. Ngcabashe kuTikTok,” itsho ingxelo.
Iqumrhu lokongamela liphinde lacacisa ukuba akukho mapolisa akhululiweyo kuxanduva ngokubhubha kukaMeyile.

“I-IPID ayikhange ikhuphe ityala nakweliphi na ilungu le-SAPS ukwenza ububi ngalo mba, nanjengoko lo mbandela usaphandwa,” yongeza ingxelo.

Eli candelo liye laqinisekisa ukuba belisoloko linxibelelana nosapho olubhujelweyo.

“I-IPID ibisoloko igqithisa ulwazi malunga nosapho ngako nakuphi na okwenzekayo kweli tyala ngesalamane esichongiweyo esililungu losapho lomfi,” itshilo ingxelo.

Iimeko zokubhubha kukaMeyile zisephantsi koqwalaselo, kwaye uluntu luyabongozwa ukuba lulinde iziphumo zophando olusemthethweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA