Ilizwe lelikaRhulumente, lumka xa ugqogqa iinto zabantu, hleze zimke nawe.

INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ivotele kakhulu ukuba ikhuphe u-Adv Busisiwe Mkhwebane njengoMkhuseli woluntu.

Amalungu angama-318 avotele isindululo sokumkhupha logama angama-43 avotele ngokuchaseneyo kwaye nguMongameli weCOPE kuphela uMosiuoa Lekota uye warhoxa. Amalungu avote nganye nganye ngokuthi EWE okanye HAYI xa ebizwa. Oku kulandela ingxelo yekomiti kaSection -194 eyacebisa ukuba makasuswe emva kwenkqubo yokutyholwa ixesha elide. Ukubekwa ityala kukaMkhwebane yipalamente kuthetha ukuba akukho mhlalaphantsi xa ehamba.

Ukongeza kumhlalaphantsi wakhe, uMkhwebane uselungelweni lokufumana isixa-mali esixabisa izigidi ngezigidi. Ngethuba umanduleli wakhe, uThuli Madonsela, eshiya isikhundla ngo-2016, isixa sakhe sasikwi-R7,5 yezigidi zeerandi. Oku kusekelwe kwingxelo yekomiti ka Section -194 ethe yavumelana nezityholo zokuziphatha kakubi nokungakwazi ukwenza umsebenzi ngakuye.

Amaqela ambalwa kwezopilitiko, naquka iEFF kunye neATM, awalibonanga kakuhle konke konke elinyathelo, begxeka ukukhutshwa kukaMkhwebana, ngelithi bazakunkwantyisa iinkokheli zangomso ukuba zingakwazi ukwenza umsebenzi wazo kuba zizakoyika ukukhutshwa kwiiOfisi zonsebenzi nguRhulumente ophetheyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA