By Nontando Ntsevu
UMcinga, oyinkosikazi yesithandathu yeKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, ungqinile kwiTimesLIVE ukuba uyekile ukuba lilungu leNCOP ngoMvulo, kwangaxehsa nye wayeka kwa ukuba lilungu lalo mbutho.
“Ndirhoxile embuthweni nasepalamente. Yiyo yonke into endizakuyiqinisekisa ngoku. Andiphilanga,” utshilo.
Uye warhoxa kwiinyanga ezintlanu emva kokuchongwa njengelungu le-EFF NCOP.
Kumyalezo oya kwikomiti yezikhalazo zoluntu kunye nekomiti elawulayo epalamente uthe: “Sihlalo obekekileyo namalungu abekekileyo, kube luvuyo olukhulu ukusebenza nani. Ndiwaxabisa kakhulu amava kunye nexesha esabelana ngalo. Ndininqwenelela okuhle kodwa kumsebenzi wenu oqhubekayo nobunkokeli. Ndiye ndarhoxa njengelungu le-EFF nanjengomthunywa osisigxina weNCOP.”
Ukurhoxa kwakhe kuza kwiiveki ezimbini emva kokuba obesakuba ngusihlalo we-EFF uDali Mpofu eshiye i-EFF esiya kwiMK Party ka-Jacob Zuma. UFloyd Shivambu, uMzwanele Manyi kunye noBusisiwe Mkhwebane nabo bazibandakanye neMK Party.
Ukurhoxa kwezi zikhundla kuvele phambi kwenkomfa yolonyulo lombutho ngeyoMnga.
Ngenyanga yeSilimela uMcinga ebezimase umsitho wokumiselwa kukaMongameli Cyril Ramaphosa logama iinkokeli ze-EFF khange ziwuzimase lo msitho.
Kwenye yezithuba zakhe kumakhasi onxibelelwano, kwiiyure emva kokurhoxa kwakhe, uthe ubutshantliziyo bakhe boluntu buqale phambi kokuba abe lilungu le-EFF.
“Bendisakha umbutho kwaye ndifundisa abantu ngenkululeko kwakudala phambi kwe-EFF,” utshilo.
“Idayimani ayinakugqunywa; iya kuhlala ibalasele nokuba uyigqume ngamatye amakhulu. Unokuthi awundiboni ezitratweni kodwa abantu bayandazi, bandibonile, bandivile kwaye soze bandilibale. Bayandazi ukuba ndingubani kwaye kwanele oko.”
IEFF inobudlelwane nendlu yasebukhosini yabaThembu. Ngo-2021 eli theko lanika ikumkani isipho seMercedes-Benz GLE Coupe SUV, exabisa malunga 1.8 yezigidi zeerandi (R1.8m).

