14.3 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Ilungu leqela lemigulukudu lixoxa ityala lokubulala.

Ityala lokubulala elijongene nomtyholwa weqela lemigulukudu iNew Kids liqhubekile kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ngoMvulo umhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi.

UClaudio Calvert, oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala utyholwa ngokubulala uCameron Rayston Daniels ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeKhala ngonyaka ka2022 kwisitalato iBaatjies, eHelenvale.

Ngokwephepha letyala, uDaniels wayehamba esuka kwisitalato iLeith esiya kwisitalato iBaatjies, kufutshane ne “Helenvale Resource Centre”. Kutyholwa ukuba uCalvert ebekunye nenye indoda engaziwayo ngethuba besiya kuDaniels.

Urhulumente utyhola ngelithi uCalvert wakhupha umpu wadubula uDaniels nobhubhele kwindawo yexhwayelo. Ukuqala kwetyala, uCalvert waliphika ityala lokubulala nokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni.

Kusenjalo inguqulelo yomtyholwa ithi walala kumzala wakhe ngomhla weshumi elinesine (14) kweyeKhala ngo2022.

Iingxelo zidiza ukuba bonke babesalele ngexesha amapolisa eza kunkqonkqoza emnyango ekhangela umntu obizwa ngokuba ngu “Bradley Booysen” kusuku olulandelayo, ngokutsho kukaCalvert.

UCalvert uxoxa ngelokuba wabuyela ebhedini kwaye wavuka ngezithuba zentsimbi yeshumi kusasa, kwaye wayengekho kufutshane nendawo yolwaphulo-mthetho.

NgoLwesibini, kwenziwe amalungiselelo okuba umzala kaCalvert aziswe kwiNkundla ePhakamileyo ngoLwesithathu, ukuze adibane nommeli wakhe. Umzala ekuthethwa ngaye useluvalelweni kwiziko loLuleko iSt Albans.

Umyalelo wenkundla waxelela iBambela leJaji uHannelie Bakker ukuba kuza kufuneka aqale avele kwityala leNkundla yoMthetho oMtsha kwaye uya kufumaneka ukuze adibane negqwetha likaCalvert emva koko.

Ityala lisaqhubeka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
54 %
4.6kmh
11 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks