IMandela Bay iphehlelela uMnyhadala weFilimu weVidiyo yoMculo owokuqala.

Lo mnyhadala wokuqala othi Mandela Bay Music Video Film Festival uze ukuzophemba amandla okudala eMpuma Kapa xa uqhuba imbali eAtheneum, eGqeberha ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kuCanzibe 2025.

UKhokelwe yiArhente iFlying Loudcast, lo msitho uhlaba ikhwelo kwiimvumi, abadidiyeli, nabalawuli abaphuma kuMzantsi Afrika wonke ukuba bangenise iiVidiyo zabo zomculo ukuze bafumane ithuba lokuphumelela iwaka leerandi (R1,000) kwiCandelo elithi “IVidiyo yoMculo eBalaseleyo”. Zonke iintlobo zomculo zamkelekile.

Ngaphezulu kwesiganeko sokuhlola, lo mnyhadala uquka uqeqesho-lweengcaphephe kunye nezifundo ekuqulunqeni ividiyo, ukuhlela, iziphumo ezibonakalayo, kunye nokuhanjiswa kwevidiyo yomculo.

Abazimasi nabo baya kusebenzisana nabalawuli abadumileyo, abenzi bemiboniso bhanyabhanya, kunye nabasasazi, abaya kunika ulwazi malunga nendlela yokuhlangabezana nemigangatho yoshishino kunye nokutsala ubambiswano.

UMseki, uSebenzile Zalabe uthe lo mnyhadala ukhuthazwe kukukhula komdla wolutsha loMzantsi Afrika kumculo nokubaliswa kwamabali. “Sifuna ukubaxhobisa ngezixhobo zokusebenzisa iifowuni zabo kunye neendaba zoluntu ukuze bakhe iimpawu zabo,” watsho.

UZalabe uphinde wabalaselisa amandla embali omculo kubutsha-ntliziyo, ukusuka kwiingoma zikaMiriam Makeba’s zoqhankqalazo ukuya kwingoma kaLoyiso Gijana ehlaba ukhwelo kumadoda ukuba athathe amanyathelo ngakwizenzo zobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini, kwaye wagxininisa iividiyo zomculo njengezithuthi ezibalulekileyo zokubonisa ubugcisa.

IGosa loSasazo la loMnyhadala, uSinethemba Gayiza ugxininise imfuneko yobungcali, “Iividiyo zomculo zixhaphakile kumabonakude, kwaye zezona zidumileyo. Eso sithuba kufuneka sisetyenziswe ekwenzeni imali. Sifuna ukudibanisa amagcisa kwicandelo labucala kunye nentsebenziswano yezokhenketho.”

UXhaswa yiArhente yoPhuhliso yaseNelson Mandela Bay, MyBliss Technologies, kunye neSonwabo Audio Visuals, lo mnyhadala umema iimvumi, abaqulunqi bomxholo, kunye neeleyibhile zokurekhoda ukuba zithathe inxaxheba kwaye zisebenzisane.

“Oku kumalunga nokubukela, ukunxulumanisa, ukufunda, kunye nokwakha uqoqosho oluzinzileyo lokuyila,” utshilo uZalabe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA