By Asipile Kitchen.
Ngexesha loNgenelelo oluHlangeneyo phakathi kweYunithi yoPhando loLwaphulo-mthetho lweziThuthi eGqeberha, igqiza leSAPS eMount Road kunye neQela loNgenelelo loNcedo loMasipala oMbaxa iNelson Mandela, libambe umrhanelwa oxhwila izithuthi kwaye uyanyaniswa ngokuqweqwedisa izithuthi okunga ngqamenanga okuxelwe kwindawo yaseMount Road ngoLwesihlanu, womhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe 2025.
Kutyholwa ukuba ngoLwesithathu umhla weshumi elinesine (14) kuCanzibe 2023, malunga nemizuzu engamashumi amahlanu emveni kwentsimbi yesixhenxe (07:50 am), owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala uye waqweqwediselwa isithuthi esiluhlobo lweMitsubishi yakhe emnyama kwiSitalato iSouthey, ePerrridgevale ngumrhanelwa omnye.
Ummangali wazama ukulwa nomrhanelwa kodwa emva koko wangqubeka, wafumana umonzakalo omkhulu. Ngexesha lophando lwangoLwesine ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe 2025, icandelo le-SAPS eGqeberha K9 lifumene isithuthi kumbindi weNdlela iMilitary, kwaye labamba umrhanelwa omnye.
Umrhanelwa uvalelwe ngezityholo zokufunyanwa nempahla ebiweyo waze wakhululwa enkundleni emva kwesicelo sebheyile esise sikweni ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini ananye (21) kuCanzibe 2025.
Ukuxhwilwa kwesi sibini kuxelwe ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe 2025 malunga nentsimbi yesibhozo (08:00 am), apho eqweqwedise inenekazi elineminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala eluhlobo lweVW Polo kwisitalato iMcAdam, eNewton Park.
NgoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe 2025, icandelo lophando lolwaphulo-mthetho lwezithuthi liqhube udliwano-ndlebe nommangali laze laqokelela ulwazi malunga nomrhanelwa, ngoncedo lweqela leQela loNgenelelo loNcedo loMasipala oMbaxa iNelson Mandela ummangali uye wabonisa umrhanelwa kwaye kamva ngoLwesihlanu womhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe babamba umrhanelwa (24) naye obandakanyeka kuxhwilo ePerridgevale ngezityholo zokuxhwila imoto.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eGqeberha ngoMvulo womhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe 2025 ngezityholo zokuxhwila imoto.

