17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Imnqunqe okwebhokhwe umlingane wayo, indoda eligosa lezoluleko eMonti

Kulindeleke ukuba livele phambi kwenkundla kaMantyi eMonti igosa lenkonzo yezoluleko elineminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala, nejongene nezityholo zokubulala isinqanda mathe sayo esigama linguBulelwa Mxosa(45)

Kuvakala ukuba isidumbu somfikazi sifunyenwe kwindawo apho umrhanelwa ahlala khona, kwiziko lezoluleko iFort Glamorgan, eWest Bank eMonti. 

Kuvakala ukuba malunga nentsimbi yesibini(14:00) NgoLwesibini umhla we(1 Match 2022) umzimba kaMxosa uye wafunyanwa kulendawo kwaye unamanxeba emzimbeni.

Iimpukane eziluhlaza zithi, ixhoba eli aliqali ukuphathwa gadalala yilendoda kwaye esisiganeko usenze ekufutshane ebantwaneni besisibini.

Igqiza elichongiwe ngoko nangoko liye ngokukhawuleza lakhangele umrhanelwa ze kwathi kwisithuba seeyure ezine(4 hours) wafunyanwa kwaseMonti. 

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesine umhla wesithathu kweyoKwindla ngo2022 ngetyala lokubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks