15.4 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

Ufunyenwe unqunyulwe isinqa umzimba wenina laseMaclear

Amapolisa aseMaclear aphanda ityala lokubulala nokudlwengula emva kokufunyanwa komzimba wexhoba elineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala nebelichazwe njengelilahlekileyo ngabahlobo balo. 

Ngokwengxelo efike emapoliseni, kutyholwa ngelithi, ixhoba eli belizonwabisa nomhlobo walo wasetyhini kwindawo ethengisa utywala okanye esikroxweni ngomhla we(25 Feb 2022) kanye kulendawo inomrhanelwa, naye obesela utywala kunye nabo.

Kuvakala ukuba malunga nentsimbi yeshumi elinesibini(22:00) ngobo busuku ixhoba alikhange liphinde libonwe kwaye kukrokrelwa ukuba ixhoba lihambe nomrhanelwa. Kuthe kusenjalo umhlobo wexhoba wagqiba kwelokuba axele emapoliseni ngomhla we(2022-2-28) ngo-12:55 njengomntu olahlekileyo.

Ngentsimbi yesine(16:00) kwangalomini amapolisa abambe umrhanelwa kwindawo eyaziwa njenge e-TV Park.

Kuphando oluthe kratya nolwenziwe ngabakwantsasana, lukhokelele ekufunyanweni komzimba womfikazi, unqunyulwe phakathi esinqeni ngesarha, ukwindlu yangasese kule ndawo. Uphando luyaqhuba kwaye umrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu(55) ubudala uzakuvela ngomhla wesi,(3 March 2022) ngamatyala amabini okubulala nokudlwengula phambi kwenkundla kamantyi yaseMaclear.

Umkomishinala wesithili obambeleyo uBrigadier Rudolph Adolph ubhengeze umothuko wakhe ngolu lwaphulo-mthetho lumasikizi. Uyiqhwabele izandla iSAPS ngempendulo ekhawulezileyo nokubanjwa komrhanelwa.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
86 %
2kmh
80 %
Wed
32 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
34 °
Sun
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks