Kubhubhe abantu abathathu ngelixa abane besonzakala kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2 KwaBhaca kufutshane nelali yaseDangwana.
Le ngozi yenzeke malunga nentsimbi yesibhozo (08:00) kusasa namhlanje, 02 eyeSilimela 2024, ngethuba iveni yohlobo lweToyota ebikhwele abantu abahlanu (5) isiya ngakuQumbu isuka KwaBhaca, ingquzulana neVW Polo ebikhwele abantu ababini ebebehamba kwelinye icala.
Bobabini abantu abebekhwele iVW Polo babhubhile kunye nomnye umkhweli wale veni bebhubhela kwindawo yexhwayelo. Amadoda amane onzakeleyo kwiToyota LDV, kuquka nomqhubi, babalekiselwe kwisibhedlele iMadzikane Ka Zulu Memorial KwaBhaca (Mt Frere) ukuze bafumane unyango oluthe kratya.
Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungenankathalo kwiindlela ezimanzi okanye imozulu engentle ibe ngoyena nobangela wale ngozi.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa KwaBhaca ukuze kuqhutywe uphando.
Siyakholwa Vuso.

