By Buhle Nomgalasa.
INtloko yeZiko loLawulo lweNtlekele kuzwelonke, uGqirha Bongani Sithole, unike ikomiti ejongene neSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli ngentsasa yangoLwesibini ngengxelo yabo edityanisiweyo yamasebe ngamasebe kweli phondo, nelisagutyungelwe zizikhukula.
ISebe lezoLawulo lweNtsebenziswano lixelele iPalamente ukuba babini abantu abasele beqinisekisiwe ukuba babhubhile kwizikhukula ezitshabalalisayo eMpuma Koloni, lilumkisa ngelithi amanani anganyuka.
INtloko yeZiko loLawulo lweNtlekele kuZwelonke, uGqirha Bongani Sithole, unike ikomiti ejongene nesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli ngentsasa yangoLwesibini ngengxelo yabo edityanisiweyo yamasebe ngamasebe kweli phondo, nelisagutyungelwe zizikhukula.
USithole ukwanike uhlaziyo malunga nenani lokufa, ngoku limi kumashumi asithoba anesixhenxe (97).
“Abantu abangamashumi asithoba anesihlanu (95) baye baqinisekiswa ukuba babhubhile. Ngale ntsasa, sifumene ukuhlaziywa kodwa i-HOD iya kuqinisekisa kamva. Inani limi kumashumi asithoba anesixhenxe (97), amashumi amabini anesithathu (23) kubo ngabantwana besikolo.”
Njengoko linyukile inani labantu ababhubhileyo, uthe iMpuma Koloni nayo izakufuna imali engaphantsi kwe -R5 yeebhiliyoni zeerandi ukulungisa umonakalo owenziwe zezi zikhukula. USithole uthi iphondo lifumene umonakalo kumacandelo noomasipala.
“Iindleko zokulungiswa kweziseko zoncedo ezonakeleyo ziqikelelwa kwi-R5.1 yeebhiliyoni zeerandi ze emva koko ibe yi-R3.2 yeebhiliyoni zeerandi kumasebe amacandelo kunye ne-R1.8 yeebhiliyoni yeerandi kwiziseko zophuhliso zoomasipala.”

