By Asipile Kitchen.
INkundla imgwebe iminyaka elishumi elinesihlanu kwityala ngalinye lokubulala iqabane lakhe, elinguyise womntwana wakhe, kwakunye nomakazi wakhe, amfumene elele kunye neqabane lakhe. Ugwetywe eminye iminyaka esibhozo entolongweni ngokuqhekeza indlu.
INkundla iyalele ukuba ezi zigwebo zihambe ngaxeshanye.
Kwisicelo sakhe sokuchazwa kwetyala, uMqokro uvumile ukuba ngomhla weshumi elinethoba (19) kuCanzibe 2025, ebeye kumsitho wesintu kwilali yakoNondindwa kuMcothana kwisithili sakuCentane. Wayesela utywala de wagoduka enxilile. Ekhayeni lakhe, wagqiba ukuba ayotyelela iqabane lakhe emva kwemini ekhayeni lalo kwilali yaseKhabakazi esebummelwaneni. Wayengaqali uyotyelela iqabane lakhe ngaphandle kokulixelela.
Xa efika ekhayeni leqabane lakhe, azange livume ukuvula umnyango ukuze akwazi ungena.
Xa ekroba efestileni, wabona iqabane lakhe lisabelana ngesondo nowasetyhini amchaze njengomakazi wakhe, odibene ngesiduko nomama wakhe. Emsindweni, watyhala umnyango wavuleka, wonda ngebhakethi iqabane lakhe lalisetyenziswa ukufihla imela yekrele wahlaba esi sibini. UMqokro uchazile kwingxelo yakhe ukuba akakhumbuli ukuba wasihlaba kangaphi esi sibini kodwa uthi wabashiya besaphila emva kokuba becele uxolo.
Waya kumama weqabane lakhe kwaye wavuma ukuba ubahlabile kodwa waxelelwa ngosuku olulandelayo ukuba esi sibini sibhubhile ngenxa yamanxeba. Wazinikezela emapoliseni kwindawo yexhwayelo.
Ekugwebeni uMqokro, inkundla yathathela ingqalelo ingxelo yaphambi kwesigwebo eveze ukuba ebephantsi konyango lwesifo sokuxhuzula kwaye ebefumana isibonelelo sikarhulumente ngenxa yempilo yakhe. Ngapha koko, wayeqhawule umtshato owayexhatshazwa kuwo kwaye unamanxeba amaninzi apholileyo awenziwa liqabane lakhe elibhubhileyo ngenxa yokungamthembi kwakhe.
Nangona kunjalo igqwetha likarhulumente uLoyiso Methuso ugxininise ukuba olu lwaphulo-mthetho lukhokelele ekulahlekeni kwemiphefumlo nabagcini babantwana, wavuma ukuba uMqokro ubonise ukuzisola kwaye udinga ungenelelo lobungcali, nanjengoko intombi yakhe encinci imtyhola ngokubhubha kukayise.
Esamkela isigwebo, umphathi wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uchaze ukuba esi sigwebo masibe sisilumkiso kwabanye abantu abakubudlwelwane obuxhaphazayo ukuba bafune ungenelelo ngaphakathi kwemida yomthetho ukuba bakuba benze ulwaphulo-mthetho baya kuchitha ixesha entolongweni.

