Kutyholwa ngelithi lo kaPhakade ungumhlobo katata walentwazana, kananjalo le ntwazana ingumhlobo womntwana ka Phakade nanjengoko ifunda naye kwisikolo iZanokhanyo Baptise school ekwakuledolophu yaseMaxesibeni.
Ingxelo ithi lentwazana negama layo lifihliweyo ngenxa yokhuseleko lwayo nangokomthetho yathi yalahlekelwa yingxowa yayo yokufaka izinto zokusebenza zesikolo(pencill case) ze lokaPhakade wayitsalela umnxeba ukuba ize kuzoyithatha ikwimoto yakhe, nalapho kutyholwa ngelithi uye wafumana ithuba lokudlwengula lentwazana.
Emva kwesiganeko umntwana wafika wabika kokwabo oko kwenzekileyo nalapho abazali bangakhange baphozise maseko bavula ityala ngakulo ka Phakade.
Ngamaqumrhu abucala anyevulela ukuxhatshazwa kwabasetyhini kwakunye nabantwana naquka i(Moral regeneration) abakwalizwi, kwakunye nemibutho yezopolitiko eze kuthi Phantsi Ngokudlwengulwa kwabantwana.