17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Qhuba ngononophelo ezindleleni, ixesha likaxakeka lifikile

URhulumente wePhondo leMpuma Koloni esebenzisana neSebe lezothutho, basungule iphulo leholide zokuphela konyaka ebizwa (Festive Season Fika Uphila) nebibanjelwe kuhola wendlela uR61 eKonani namhlanje.

Lenkqubo yenzelwa ukuqinisa ukhuseleko ezindleleni njengokuba elixesha lithande ukuxhaphakelwa ziingozi ezininzi ngenxa yomthamo wezithuthi oye wonyuke. Kwiiveki nje ezimbalwa oohola bendlela baseMpuma Kapa bazakugcwala zizithuthi ezisuka emaphandleni nakwiidolophu ezinkulu bezokuchitha iholide neentsapho zabo.

INkulubaPhathiswa uOscar Mabuyane ekunye noMpathiswa wezoThutho uWeziwe Gxothiwe Tikana, bebekhokela eliphulo nebelibanjwe kuKomani. Ukanti eliphulo liza emva kweentsuku eliphondo liphulukene nabantu abalishumi elinesibini kwizehlo zengozi ezibini ezahlukeneyo kuhola wendlela uR61 ngaseAberdeen kwakunye nakuR61 ngaseKomani.

Injongo kaRhulumente ngeliphulo kukuqinisekisa ukuba abasebenzisi bendlela(motorists) bakhuselekile ngelixesha leeholide. Bakhuthazwa ukuba babambelele kuwo onke amanyathelo okhuseleko aquka ukugcina umyinge wesantya sendlela uphantsi, kwakunye nokufaneleka kwezithuthi endleleni nokungaseli xa qhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks