Ingozi emasikizi nesube imiphefumlo eyi-9 kuquka nabantwana ababini.

Ngabantu abalithoba(9) ababhubhe kwingozi emasikizi nebibandakanya izithuthi ezimbini(2) zohlobo lweteksi. Lengozi yenzeke kuhola wendlela uN2 phakathi kwaseMakhanda neNanaga kubusuku bayizolo.

Ngokwengxelo yesebe lezothutho ePhondweni, enye yeziteksi ibigcwele ngabakhweli kwaye isingise eGqeberha ngethuba ingqubana nenye ebisiya kwicala elohlukileyo inabakhweli ababini nekurhaneleka ukuba ngumyeni nomkakhe.

Ukanti esi sibini kuvakala ukuba sibhubhe kulengozi kunye nabanye abasixhenxe(7) nabebekhwele kwesinye isithuthi. Kukwavakala ukuba enye yezi Quantum ibisuka eGqeberha isiya eMthatha inabantu ababini logama enye ibisuka kuTsolo isiya eMosselbay igcwele.

Ngabantu abadala ababhinqileyo abathathu(3), amadoda amane(4) kunye nabantwana amabini(2) abaphakathi konyaka omnye(1) ukuya kwemine(4) abathe babhubha kulengozi.

Umphathiswa wesebe lezothutho kweliphondo uWeziwe Tikana-Gxotiwe udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho eziswelekelweyo kwezingozi nesele zithathe imiphefumlo yabantu abaninzi kweli phondo ingakumbi kwezi holide zehlobo.

Abonzakeleyo babalekiselwe esibhedlele saseMakhanda ukuze bafumane unyango.
Idokethi lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ngamapolisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA