By Nontando Ntsevu
Inkundla ephakamileyo yasePolokwane igwebe uMathatha Gift Phelane iminyaka engamashumi asixhenxe entolongweni ngamatyala asixhenxe okudlwengula.
Le nkundla ikwagwebe uPhelane, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28), iminyaka engamashumi amathathu entolongweni ngamatyala amathandathu okuphanga esebenzisa iimeko ezimandundu kunye neminyaka elishumi elinesihlanu ngamatyala amathathu okuxhwila.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uMashudu Malabi-Dzhangi uthe ngoMvulo isigwebo esisebenzayo yiminyaka engamashumi asixhenxe.
UPhelane akazange alivume ityala.
“Ebudeni betyala, amangqina angqina ukuba phakathi konyaka ka-2020 ukuya ku-2021, umtyholwa wayegrogrisa amabhinqa aselula aphuma kwimimandla yaseGa Mphethi, Ga-Manyaka, Ga-Selala, Ga-Maroga naseMafolo Park.”
Amabhinqa aselula ayehendelwa kusenziwa ngathi aza kufumana imisebenzi. “Abatyholwa bayakubagrogrisa ngemela okanye ngompu befuna iiselfowuni zabo nemali, emva koko babadlwengule.”
Ibambela lejaji, uEphraim Makgoba, uthe uPhelane liqothaqikili lokubala nelinyhasha isidima nesimilo saloo manina.
Umlawuli wezotshutshiso eLimpopo uIvy Thenga umqhwabele izandla umtshutshisi uMuneiwa Ratshibvumo kunye nomphandi wetyala uSgt Jacob Letsatsi Mojalefa waseBurgersfort ngomsebenzi omhle owenziweyo.

