UMdyarho wamaashe iBerlin November wazisa ukuba uze nenkqubo ezisa imincili kulo ka-2024 unyaka. Umsitho walonyaka uza kubonisa ngabantu abasibhozo abadumileyo beliphondo leMpuma Koloni — amadoda amane kunye nabasetyhini abane — abazakukhuphisana kugqatso oluthembisa ukuzisa ifuthe elitsha kunye nemincili kulo msitho wonyaka ubalulekileyo.
UMlawuli womdyarho uJudy Ngoloyi wabelane ngothakazelelo analo ngalo msitho mtsha.
“Umdyarho woSaziwayo ujolise ekusondezeni umdyarho wamahashe eluntwini, sibhiyozela imveli yethu etyebileyo ngelixa sinikezela ngolonwabo olungalibalekiyo. Lo mnyhadala umangalisayo uza kuvala iBerlin November Horserace, kwaye simema wonke umntu ukuba ahlale ebukele njengoko siza kutyhila oosaziwayo abasibhozo baseMpuma Koloni abagqatsela intshinga yentshatsheli.”

Ukubandakanywa kwabantu abadumileyo kugqatso akuyonto nje ibonwayo; lunakano lwetalente yasekuhlaleni kunye nemfuno yokuqukana okukhulu kwezolonwabo. Ixesha elide kakhulu, abadali beMpuma Koloni, abaphembeleli, kunye nobuntu bebengamelwanga kumaqonga amakhulu. Ngoku, iminyhadala efana neBerlin November Horserace iqonde kubo, iqonda igalelo labo kumacandelo ephondo oyilo nolonwabo.
Ukubaluleka kokwamkela abaqulunqi bedijithali (digital creators) basekhaya kunye nabaphembeleli (influencers) kwimisitho efana nale ayinakubaxwa. Aba bantu abangoonozakuzaku benkcubeko yeMpuma Kapa kuphela kodwa bangoovulindlela kwixesha ledijithali, behlala besebenzela ukukhuthaza lo mmandla kumaqonga abanzi. Ngokubonisa iintshatsheli zasekuhlaleni kuMdyarho woSaziwayo, lo msitho ukhuthaza ukuzingca ngetalente yasekhaya kwaye kubhiyozelwa abo bazibophelele ekuphakamiseni amabali, inkcubeko kunye nolonwabo lweMpuma Kapa ukuya kwinqanaba eliphezulu.

Umntu ngamnye odumileyo uya kwenza iqela eliquka ihashe, umnini walo, kunye nejoki eyingcali. Le ndlela iguquguqukayo ijolise ekonyuseni ukubandakanyeka kwabathathi nxaxheba kwaye ivelise ingqwalasela yeendaba ngokubanzi ngelixa ibonelela ngamava angenakulibaleka kwabo bazileyo kunye nababukeli kwilizwe liphela.
Iinjongo zalomdyarho woosaziwayo ujonge:
Ukwandisa abalandeli, ukutsala abalandeli abohlukileyo ngokubandakanya abantu abadumileyo basekhaya.
Ukwakha ulwazi lwa leBrand: Ukusebenzisa impembelelo yabantu abadumileyo ukugqamisa ukubaluleka kwenkcubeko yeBerlin November Horserace.
Ukomeleza uBukho bamajelo eendaba: Iphulo leendaba lenyanga elide elikhokelela kumsitho liya kudala isankwe kumaqonga amaninzi.
Ukukhuthaza italente yasekuhlaleni: Lo mdyarho uzakube uqaqambisa abanini bamahashe basekuhlaleni, amahashe, neejokhi, kwaye ubenegalelo ekukhuleni komdyarho wamahashe eMpuma Koloni.
Ikhadi loMdyarho woSaziwayo:
Nali ikroba kubathathi-nxaxheba abaqinisekisiweyo kunye namaqela abo:
1. Betusile Mcinga
Ihashe: Maxhob’ayandiswa
Umqeqeshi: Lopez Magongo (Purple)
2. Live Mabeqe
Ihashe: Gqibintetho
Umqeqeshi: Mathiso Gqibintentho (Pinki)
3. DJ Nhunhuza
Ihashe: Nhuza
Umqeqeshi: Camagu Kanana (Blue)
4. Mafa Bavuma
Ihashe: [Liza Kubhengezwa]
Umqeqeshi: Mzuphela Godi (Lime)
5. Lindo Mtangayi
Ihashe:
Umqeqeshi: Gibson George (Orenji)
6. Mntwan’omgquba
Ihashe:Masigoduke
Umqeqeshi: Xolani Matiwane (Yellow)
7. Yolanda Zaula
Ihashe: [Liza Kubhengezwa]
Umqeqeshi: Saphumla Fiyo (Bomvu)
8. Ziyanda Tshangana
Ihashe: Velabahleke
Umqeqeshi: Amanda Peter (Green)
Umdyarho wamaHashe iBerlin November kulo nyaka ayizukubonisa nje kuphela owona mdyarho wamahashe walapha ekhaya kodwa iza kusebenza njengeqonga lokuphakamisa nokukhuthaza abaqulunqi abanetalente base Mpuma Kapa. Njengokuba iinkwenkwezi zalapha zithatha iintambo, lo msitho uthembisa ukuba uya kuba ngumbhiyozo ochulumancisayo noquka abantu bonke, italente, nenkcubeko etyebileyo yeli phondo.
Phawula iikhalenda yakho kulo ngalo msitho ekufuneka uwubukele, apho uchulumanco lomdyarho wamahashe udibana nolonwabo, kwaye italente yaseMpuma Koloni iqaqambile.

