INdoda igwetywe iminyaka elishumi elinanye (11) ngokudlwengula amakhwenkwe amathandathu.

By Asemahle Mbete.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa, eGqeberha, igwebe uThembelani Andries (31) oodilika-jele abalishumi elinanye ngamatyala alishumi elinanye okudlwengula amakhwenkwe amathandathu aneminyaka ephakathi kweshumi elinanye (11) ukuya kwishumi elinesithathu (13) leminyaka ubuncinci. Olu lwaphulo-mthetho lwenzeka ngomhla wesi-3 kuCanzibe 2015, kumatyholo akwa-NU 9 kufuphi nase-Motherwell, eGqeberha.

Ngolu suku kuthethwa ngalo, amaxhoba ayedada emva kweBala lakwa-NU9 ngethuba bedibana no-Andries. Wabarhwebeshela kumatyholo akufutshane ngesithembiso sobuxoki sokubabonisa Amabhokobhoko. Emva kokuba besematyholweni, u-Andries wawatyityimbisel’ ilitye la makhwenkwe, ewanyanzela ukuba benze isondo ngomlomo. Emva koko waqhubeka ngokubaxhaphaza ngokwesondo, kuquka nezenzo zokungena ezimpundu.

Umtyholwa ukwanyanzelise elinye lamaxhoba ukuba ligqobhoze ezimpundu kuye. Ngalo lonke elo xesha, u-Andries woyikisa ngokuwabulala la makhwenkwe ukuba aye achaza esisehlo. Amaxhoba, esoyika kwaye enxunguphele, ekugqibeleni akwazile ukuxela elinyala komnye woomama bamaxhoba.

Kwimvumelwano yesibongozo sakhe, wazivuma izenzo zakhe njengoko iisampulu ze-DNA kwindawo yolwaphulo-mthetho zadityaniswa nezakhe. U-Andries wayenamatyala angaphambili. Emva kohlaselo, wafudukela e-Aliwal North, emva kokusweleka kukayise. NgoJulayi 2024, wabanjwa ngezityholo ezinganxulumenanga nesi sokudlwengula.

Ngexesha lesigwebo, iGqwetha loMbuso u-Ansiot Kimfley waxoxa ngelithi isigwebo esifanelekileyo kufuneka sibonise ubuzaza yblwaphulo-mthetho, iminyaka eselula yamaxhoba, kunye nefuthe elibi olunayo olu lwaphulo-mthetho kubomi babo. Inkundla yavumelana noko.

UMnumzana uBarry Madolo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa, usamkele esi sigwebo, wasichaza njengoloyiso lobulungisa nenyathelo elibalulekileyo lokuqinisekisa ukuba abantu abenza ubugebenga obumanyumnyezi, ingakumbi ebantwaneni, baya kuphendula ngezenzo zabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA