INDODA IGWETYWE ODILIKA JELE ABABINI EMVA KWEZISELE.

INkundla yenginqi yaseMthatha igwebe indoda eneminyaka engamashumi amane nanye (41) ubudala odilika jele ababini  kunye neminyaka engamashumi amabini eyongezelelweyo emva kokufunyanwa inamatyala amabini okudlwengula nokuxhaphaza ngokwesondo. Igama la lendoda alichazwanga ngesizathu sokukhusela iinkcukhaca zamaxhoba, umntwana wakhe oyintombi kunye nomntwana kadadewabo. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesine kule kaCanzibe 2024.

Ezi ziganeko zolwaphulo-mthetho abanjwe phantsi kwazo wazenza ngamaxesha ahlukeneyo kangangeminyaka eliqela, kodwa waye wabekwa ityala kumatyala amabini okudlwengula kunye namabini okuxhatshazwa ngokwesondo apho inkundla yamgweba ubomi kwityala ngalinye lokudlwengula kunye neminyaka engamashumi amabini (20) kwityala ngalinye lokuxhatshazwa ngokwesondo.

Ngonyaka ka-2013 no-2014, le ndoda yayihlala kwigumbi eliseMandela Park ngaseMthatha nenkosikazi kunye nomntwana wabo oyintombazana owayeneminyaka elithoba ngoko. Amalungiselelo okulala olusapho ayeme kanje, le ndoda nenkosikazi yayo babelala ebhedini ngexa umntwana wabo wayelala phantsi.

Bekuthi xa umama walentombi ephangela, le ndoda yayibizela umntwana wayo ebhedini ze ayidlwengule, emveni koko amgrogrise ngokumbulala kunye nonina ukuba uthe waxelele abantu.

Ngo-2020, umtshana wakhe owayeneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala weza kumtyelela ngobunye ubusuku, bekuthi xa unkosikazi wakhe ezityele iinyembezi zikaVitoliya eyoba elele, abize ezintsana aziyale ukuba mazibambane amabele kunye namalungu abo angasese.

Kuthiwa emveni kweentsuku ezimbalwa waye wadlwengula lamantombazana mabini, ewanyanzela ukuba abukele ngexa yena edlwengula enye. Wagrogrisa umtshana wakhe ngelithi uya kulibulala lonke usapho lwabo ukuba uxelele abantu.

Ezi zityholo zivele emveni kokuba umntwana ephumelela ibanga leshumi esiya eDyunivesithi ngo-2023, waye waxela okwenzayo kuye nomama wakhe, baze bathutha iimpahla zabo bayokuhlala kwenye indawo beshiya le ndoda ze bavula ityala emapoliseni. Le ndoda yamane ifowunela lo mama emnxebeni ibuza ngendawo abahlala kuyo, imcenga ukuba abuyele ekhaya. Wavuma, kodwa wabuya namapolisa kwabanjwa le ndoda yavinjwa nebheyile.

Ngexesha lokuchotshelwa kwetyala, le ndoda yabanga ukuba iyatyholwa yintombi yayo kuba wayeyibambe inomfana.

Inkundla ivumelane nomtshutshisi olawulayo uFumanekile Kandile ukuba esona sigwebo sifanelekileyo kula matyala amasikizi kukuvalelwa entolongweni ubomi obude. Inkundla iye yayalela ukuba isigwebo seminyaka engamashumi amabini (20) siqhutywe ngaxeshanye nesigwebo sobomi.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uncome umtshutshisi kunye negosa lophando ngokuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka kumagqiyazana athe awela kulowo ebefanele ukubakhusela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA