U-Eskom uthi ukucinywa kombane ukuba kuthe kwenzeka kwelixesha lasebusika

Isithethi se qumrhu eliphehla umbane uEskom, uDaphne Mokwena, uthi nokuba ilizwe lingakufumana ukucinywa kombane kobu busika, kuya kuba nganeno kakhulu.

UMokwena uthi oku kusekelwe kugcino lwesondlo abalwenzile kwezi nyanga zidlulileyo nangenxa yentsebenzo ephucukileyo kwi-Energy Availability Factor (EAF).

Uthi i-EAF ephuculweyo ayinanto yakwenza nexesha lonyulo, watsho esithi izikhululo zisaqhuba kakuhle ngenxa yokwehla kwezinga lokonakala.

Ngomvulo uMhla weshumi elinesithathu (13) kuCanzibe, uMphathiswa wezoMbane, uKgosientsho Ramokgopa, wenze uhlaziyo lwesikhululo saseKusile eMpumalanga.

URamokgopa uwaqhwabele izandla la mangenelelo athi akhokhelele ekuveliseni umbane ngokukhawuleza.

Umphathiswa uthe imeko yokufumaneka kwamandla kaEskom ngoku yophule amanqaku akumyinge wamashumi asixhenxe (70%) okokuqala kule minyaka.

URamokgopa wongeze ukuba ixesha lokugqibela ilizwe lafumana uphuculo olunjalo kwi-EAF yayingo-2021.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA