13.3 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

INEMISA iphuhlisa uqeqesho lwezakhono ze(film) kulutsha olungasebenziyo neembethi manqindi ezayekayo.

Iziko lezosasazo lwezobuchwephesha kuzwelonke eMzantsi Afrika (NEMISA) liphuhlisa uqeqesho lwezakhono zedijithali ezinqabileyo ukulungiselela ulutsha olungasebenziyo. Balilishumi elinesihlanu(15), kunye nabahlanu ababekade bezimbethi manqindi baseMdantsane ukuba bangene kwizikhundla eziphezulu kushishino lwemiboniso bhanyabhanya nomabonakude.
Ekugqityweni koqeqesho, abo bathe bathatha inxaxheba baya kunikwa iSatifikethi seSizwe seNQF level 5 kwiFilimu nomabonakude. Olu qeqesho lubambisene nesikhululo sikanomathotholo saseScenery Park iKumkani fm kunye neOfisi yeQumrhu loLuntu lweNkulumbuso yeMpuma Koloni, iBhunga lezoQoqosho loQoqosho eMpuma Koloni (ECSECC).
Oluqeqesho leemfundo okanye ikhosi luzakuthatha isithuba seeveki ezisibhozo(8 weeks) idibanisa ufundo lwencwadi kunye nokusebenza ngezandla, ibandakanya iseshoni ezingamashumi amane(40) zeeyure zobuso ngobuso kunye neeveki ezisixhenxe(7) zokwakha iphothifoliyo yobungqina obuveliswa kwindawo yokusebenza. Abathathi-nxaxheba baza kusebenzisa isixhobo esiphathwayo esifana necwecwe lobuxhaka-xhaka balemihla(tablet) ukufota imifanekiso, ukuqokelela isandi(audio) ukuhlela izinto ezibonakalayo njalo-njalo, ngaphambi kokupapasha umxholo kwiindawo zabo zentlalo kunye neewebhusayithi.
Eliphulo lihle liqale ngoMvulo wale veki kwaye luza kuqukunjelwa ngomhla we(30 September 2022)
Umphathi wesikhululo sikanomathotholo wasekuhlaleni iKumkani fm u-Alime Dyubula uthe abafundi abalishumi elinesihlanu abachongelwe kolu qeqesho bazifundisele ukwenza ifilimu kwaye basebenza kwinkampani yemiboniso bhanyabhanya ephantsi kwesikhululo iMontywood Production. Ukwathe eliphulo malenziwe luqilima ukuze liphuhlise kwanokuvelisa izakhono zabantu baseMpuma Koloni. Makungade kuyoqeshwa iinkampani zaseGoli ukuvelisa imiboniso bhanya-bhanya izakhono eMpuma Kapa zikhona, kwaye namabali maninzi kwiindawo esihlala kuzo”.
UXolile Martin weECSECC uthe abahlanu ababesakuba ziintshatsheli zamanqindi bavakalise umdla wabo wokuqala ijelo labo likaYouTube ukuze babhale amabali abo.Amagama abo :
Nomakhaya Sunduza (Former female boxer and current boxing referee)
Lwandile Sityatha (Former IBO Junior Bantum World Champion)
Sakhomzi Magxwalisa (Former SA Super Feather Weight Champion)
Ncedo Cecana (Former SA Fly Weight Champion) and;
Siyanda Mfundisi (Former SA Super Fly Weight Champion)

 

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.3 ° C
13.3 °
13.3 °
59 %
5.5kmh
99 %
Sun
18 °
Mon
13 °
Tue
22 °
Wed
21 °
Thu
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks