Idutyulwe wabhubha owasetyhini(52) eNew Brighton ngonqevu abangaziwayo
UPhando loLwaphulo-mthetho oluQuquzelelweyo kwiPhondo laseGqeberha lungxamisekile lucela uncedo kuluntu ekukhangeleni abarhanelwa ababini abajongene netyala lokudubula babulale owasetyhini noneminyaka engamashumi amahlanu anesibini(52) ubudala eNew Brighton ngenjikalanga yayizolo, umhla wesine(4) kweyeThupha ngo2022.
Ngokwengxelo yeNkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, kutyholwa ngelithi ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesibini (12:40) amadoda amabini axhobileyo angene kwindawo yoshishino ekwisitalato saseMtiya agagana nomfikazi uBongiwe Wendy Hani kunye nomntu asebenza naye ekhitshini. Lamadoda aye afuna imali kubo. Omnye umrhanelwa uye wakhomba amaxhoba omabini ngompu. Ngelishwa omnye wabarhanelwa uthathe umpu wakhe waze wawukhokha sadubula isibham esonzakalisa ugxa wakhe lo ebehamba naye.
Kuthe kusenjalo, amaxhoba ayalelwe ukuba alale phantsi ze uNkszn Hani wadutyulwa emqolo ngumrhanelwa owenzakeleyo nowathi emva koko wagxadazela waphuma. Umrhanelwa wesibini naye wamdubula entloko wabe uyabhubha.
Newsletter Subscription
- Advertisement -
King William's Town
overcast clouds
17.5
°
C
17.5
°
17.5
°
53 %
0.2kmh
100 %
Wed
25
°
Thu
15
°
Fri
15
°
Sat
16
°
Sun
12
°