Inenekazi elinomsindo lebhasi lixoke malunga nedilesi ngexesha lokuvela enkundleni yakutsha nje eGqeberha

Inkosikazi etyholwa ngokutshisa ibhasi eGqeberha ebutsheni bale nyanga kunyanzeleke ukuba lichithe enye iveki eluvalelweni lwamapolisa kuba idilesi yayo ibingekaqinisekiswa.

UYamkela Mahobe (24), wabanjwa ekwindlu kamama wakhe kuGatyane kwiiveki ezimbini emva kwesi sehlo.

Kwiveki ephelileyo, uvelile kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni echaza ukuba uzakufaka isicelo sebheyile kulo Mvulo, nangona kunjalo, isicelo asikwazanga kuthathwa nanjengoko idilesi ayinike ummeli wakhe, ibingeyinabunyani kulandela uphando.

UMantyi ubongoze uMahobe ukuba athethe inyani kwaye uyalele ibhunga lakhe lezomthetho ukuba liphinde libonisane naye.

Eli bhinqa liselula, belithwele isikhafu esimdaka (Brown) entloko kunye nedyasi efanayo, lixelele inkundla ukuba liza kusebenzisana nayo ngokupheleleyo kwaye linike iinkcukacha ezichanekileyo.

Ngomhla wesibini kuNovemba, lo wasetyhini kutyholwa ukuba wayenengxabano nenkampani yebhasi ngenxa yeselula apho wayegrogrisa ngokutshisa ibhasi.

Ibhasi yatshiswa phambi kokuba umrhanelwa abaleke kwindawo yexhwayelo.

Umonakalo webhasi ubalelwa kwiR3.2 yezigidi zeerandi.

UMahobe ujongene netyala lokonakalisa impahla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA