URamaphosa ubongoza amadoda namakhwenkwe aselula ukuba aqhubele phambili ukulwa ne-GBV

Umongameli uCyril Ramaphosa umemelele amadoda namakhwenkwe asakhulayo ukuba abe phambili ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV).

Oku njengoko ihlabathi liqwalasela ukuqaliswa kwephulo lehlabathi leeNtsuku ezili-16 zokungaxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana.

USekela Mongameli, uPaul Mashatile, ngempelaveki uhlabe ikhwelo kwiinkundla ukuba ziwise izohlwayo eziqatha kubenzi be-GBV ekusungulweni kwephulo eMpumalanga, egxininisa ukuzinikela kukarhulumente ekulweni nesi sibetho.

URamaphosa ucamngce ngesiganeko esibi sokuhlatywa komfundi wasetyhini weCape Peninsula University of Technology ngomnye umfundi oyindoda phambi koluntu lujongile ekuqaleni kwale nyanga.

Esi siganeko kunye nezinye ezininzi zezo uMzantsi Afrika oza kuba nethemba lokuzifumana izisombululo xa usindleka iNkomfa yesithathu yaMadoda yeMbumba ye-Afrika ePitoli kule veki.

Oku ngeenjongo zokushenxisa ubudoda obuyityhefu kunye nokuphelisa isibetho sobundlobongela obusekelwe kwisini elizweni nakwilizwekazi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA