12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Ingaba zizakufezeka kusini na izithembiso zokulwa ulwaphulo-mthetho eGqeberha?

Ikomiti YeNkonzo yamaPolisa ithembise ngokumphendulisa uMphathiswa uSenzo Mchunu ngezithembiso azenzileyo kutyelelo lwakhe eNelson Mandela Bay kutshanje.

Ephendula imbalelwano kasihlalo weDA eMpuma Koloni uYusuf Cassim, usihlalo wale komiti, u-Ian Cameron, uthe naye unenkxalabo enye nalombutho malunga nokukhula kolwaphulo-mthetho eGqeberha, ingakumbi kwindawo ezikuMntla.

“Ngelixa ebethethana noluntu kutshanje kumasipala ombaxa, uMchunu uthembise ngokusasaza ezinye iibhutsi phantsi neengcali zokulwa ulwaphulo-mthetho eNelson Mandela Bay,” utshilo uCassim kwingxelo yakhe.

“Nangona kunjalo, izibophelelo ezinkulu zokulwa ulwaphulo-mthetho ziye zenziwa kwixesha elidlulileyo ebezingeloncedo oluchanekileyo, okanye zingaphunyezwanga ngokufanelekileyo.

“UMphathiswa ubhengeze ukuba amanye amapolisa angamakhulu amathathu ananye (301) asele ebekwe eNelson Mandela Bay.

“Nangona kunjalo, eli asilongenelelo, kuba liyinxalenye yesipolisa yokusasazwa kwabasebenzi abalishumi lamawaka (10 000) rhoqo ngonyaka kwilizwe liphela, kwaye linani lamagosa asele enikezelwe kumaspala ombaxa waseNelson Mandala Bay.

UCassim kwabeendaba zeAlgoa uthe “icebo likamphathiswa lokubophelela amagosa okhuseleko angaphezulu kwamakhulu amathathu kumasipala waseNelson Mandela Bay kwakunye neSebe lezoKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni lithe laqhuma ngumsi, njengoko ndifumene isiqinisekiso esivela kuMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha, sokuba akukho mali ikhoyo eNelson Mandela Bay, okanye iSebe lezoKhuseleko loLuntu lephondo ukuququzelela ukuthunyelwa kwamagosa ongezelelweyo”.

“Izibophelelo ezenziwe nguMphathiswa ziphakamisa imibuzo emininzi kuneempendulo, kwaye iPalamente ngoku kufuneka ingenelele izalisekise indima yayo yokongamela,” utshilo.

Kusenjalo, kwileta yakhe ayibhalele uCassim, uCameron ungqinile ukuba udushe oluqhubekayo eMpuma Koloni luzinzile kuluhlu lwenkqubo yekomiti, watsho esithi luzakubekwa phambili.

UCameron ukwathe iphondo libekelwe utyelelo olungxamisekileyo lokongamela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks