Ingcaphephe ithi Ukufikeleleka kwimipu lula inegalelo ekwandeni elibi kweli

Ingcaphephe yolwaphulo-mthetho nowayesakuba yintloko yeZiko loHlalutyo loLwaphulo-mthetho uGqirha uChris de Kock uthi ukufikelela kwimipu nokunyuka kwamathuba okuqesha abantu bokubulala besebenzisa izibham (Hitmen) zezona zinto zinegalelo kukwanda kokubulawa kwabantu kweli lizwe.

Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yesithathu zonyaka wama-2023/2024 zikhutshwe ekuqaleni kosuku lwangoLwesihlanu.

Umphathiswa wamaPolisa uBheki Cele ubhengeze ukuba bangaphaya kwamawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe abantu ababuleweyo phakathi kweyeDwarha ukuya kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo. Oku kunyuka nge-155 ukusuka kwixesha elifanayo kunyaka odlulileyo.

UDe Kock uthi ibiyinto eqhelekileyo le kule minyaka mithathu idlulileyo.

“Kuya kusetyenziswa imipu ngexesha lokukhuthuza, zonke iintlobo zokukhuthuza nditsho nokuphangwa ezitalatweni kwiindawo ezihlelelekileyo zelizwe lethu. Enye into kukubulala umntu omaziyo usebenzisa u-hitman. Ke, umntu ubona ngakumbi nangakumbi ukuba imipu okanye i-hitman iyafumaneka ukukhupha abantu abasendleleni yakho. Ke, ndicinga ukuba ezi zinto zimbini zibe negalelo kukwanda kokubulawa kwabantu ngompu. ”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA