Kuthe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, abanye bayaxhasa logama iinginginya zoluntu zikhaba ngawo omane iingcebiso zikaMamfundisi webandla laseWisile.
Oku kuqale emva kokuba uMamumfundisi nosemtsha ngokweminyaka okanye sithi ngembonakalo, ethe wabhala kwikhasi lakhe lezonxibelelwano ecebisa iintombi zomanyano nezecawe ukuba zilungise isinxibo ukuze bangashiywa. Xa sicaphula koko akubhalileyo “uniform mayikulingane, iblouse ingade ibeyiCoat. Starcher sisi unganxibi ibotyo. Ndiyabazi ke ABA boyika ukutyelwa Nini bazophaphalaza🙄 relaxani bafazi” utshilo
Hayi ke, bazingenele kuye bemophula kuyilonto umamumfundisi ngakuthethileyo de yakhokelela ekubeni aziphendulele.
Ukhulule zonke ke iimbumbulu ebenazo, ekhwela ezehlela ke kwabo ababona ukuba bamdelile ebafanisa nemifuno eyahlukeneyo(mixveg) abo banabantwana abanotata abahlukikeyo de wayokuchaphazela nakwezocantsi.
Sithetha nje ukuntu loMzantsi Afrika luthi uMamumfundisi makasikwe kuba kuyacaca ukuba akakakhuli kwaye akakulungelanga ukuba ngumama-mfundisi.
Okwangoku elinqaku lisaqhuba..
Mbuzo: Xa uzifundela oko kubhaliweyo nguManfundisi, konakelephi ngolwakho uluvo??
Phendula kwikhasi lethu likaFacebook(comment section)



