UMphathiswa wezoThutho kwiPhondo leMpuma Kapa uWeziwe Tikana-Gxotiwe ukhuphe isilumkiso kuye wonke umntu, esithi akukho mntu ukhuselekile kwiingozi zendlela kwaye zingachaphazela nabani nha.
Esi silumkiso siza kanye ngethuba uMphathiswa uTikana-Gxotiwe esadanile ngokulahlekelwa sisizalwane sakhe esisondeleyo, kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uR61 ebibandakanya isithuthi sikawonke-wonke(taxi) kunye neAvanza izolo.
Lengozi loka Tikana-Gxotiwe uyichaze njengesikhumbuzo esimanyumnyezi sokuba akukho mntu ukhuselekile kwiingozi zendlela.
Ukanti esisiganeko senzeke kuhola wendlela uR61 eMthatha eMandela Park aphi teksi ebinomqhubi omnye kuphela iphuma eMthatha ngelixa i(Toyota Avanza) ebinabantu abahlanu(5) kuquka nobhubhileyo,nebisingise kumbindi wedolophu ngethuba kusenzeka le ngozi.
“Sisazama ukujongana nale ngxaki yokuphulukana nelungu lethu ngesiquphe silusapho. Iintlungu zisika nzulu. Kodwa ndikwanqwenela ukuthatha ixesha lokuvakalisa isilumkiso kuye wonke umntu olapha phandle ukuba, akukho mntu ukhuselekile kwiingozi zendlela. Sonke masibe bukhali ngakumbi, masihloniphe imithetho yendlela, sihloniphane sithathe uxanduva ngokuthanda kwethu nobomi babanye abasebenzisi bendlela,” walumkisa ngelitshoyo uTikana-Gxotiwe
Abasindileyo basiwe kwisibhedlele esikufutshane ukuze bafumane unyango.

