16.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Instruction ithi masimkhuphe, ukuba akafuni sakumkhupha nge”Force”

Iqela lezopolitiko kwiphondo leMpuma Koloni iANC Amathole Region likhuphe imbalelwano ligxeka kabukhali ukuphathwa gadalala kukaceba wayo obhinqileyo ngoonogada bakamasipala kwiiOfisi zaseAmathole izolo.

Bekuthe ndii konke nje kumakhasi ezonxibelelwano, ngethuba kutyhutyha ividiyo ebonisa ilungu lekomiti kaSodolophu woMasipala wesithili saseAmathole uCllr. UNanziwe Rulashe ephathwa kakubi, kambe ekruqelwa ngaphandle kwesakhiwo ngabantu abazichaza kwividiyo ukuba bangabezokhuseleko okanye onogada.

Ngethuba sizibukelela enye yezividiyo, kuvakala izithuko ezigxeka abanye oCeba abathile ekuvakala bebuzwa ukuba kutheni benhyasha amalungelo abantu, kunye nemphatho mbi eyenzeka kweziOfisi. Ukanti kwenye kubonakala owasetyhini ethetha nelinye ilungu lesigqeba seOfisi kaMaspala elixelela ukuba bafumene umyalelo ovela kuManejala kuloMasapala ukuba bakhuphe uCeba, notyholwa ngokwenza iqhushululu kwezi ofisi.

Nangona kunjalo umbutho weANC uthi uyalele uSodolophu weSigqeba ukuba enze uphando olungxamisekileyo kwaye angenise ingxelo ebanzi kwiANC kwangethuba.

“Iyacaphukisa into yokuba kule mihla, kufuneka sibone umfazi ephathwa liqela lamadoda ngelendlela eboniswa kulemifanekiso. IANC izibophelele ekukhuseleni amalungelo abo bonke abantu basetyhini nokuba ngabameli boluntu okanye abasebenzi bakamasipala” Lawo ngamazwi abhalwe ngunobhalawalo mbutho uTerris Ntuthu.

Ityala liye lavulwa kwisikhululo samapolisa saseCammbridge kwaye nalamadoda eberhuqa uCeba abanjiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
74 %
2.3kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks