Ingozi emasikizi nehambe nemiphefumlo yabantu abathandathu(6)

Ngabantu abathandathu(6) ababhubhileyo ngelixa abasixhenxe(7) abonzakeleyo kwingozi ebibandakanya iveni kunye nesithuthi sikawonke-wonke sohlobo we(taxi) kuhola wendlela uR61 kufutshane nelali yaseCorana ngaphandle kwaseMthatha.

Lengozi yenzeke ngentsasa yayizolo malunga nentsimbi yesibhozo(07:40)

Kutyholwa ukuba iveni, nebinabakhweli abahlanu(5) abebesiya kumsitho wesintu kwindawo ekufutshane nelali iye yantlitheka ngasemva kwiteksi ebilayisha umntu ngeloxesha yaza yabhukuqa.

Onke amadoda amahlanu angasemva kwiveni abhubhele kwindawo yexhwayelo, logama umkhweli omnye (oyindoda) obekhwele eteksini uthe wabhubha.

Abonzakeleyo, kuquka nomqhubi weveni babalekiselwe esibhedlele benomonzakalo ukusuka kumabi kakhulu ukuya kwancinci.
Umqhubi weteksi ubaleke engenawo nomkrwelo.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwaye uphando lusaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA