7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Ingozi emasikizi nehambe nemiphefumlo yabantu abathandathu(6)

Ngabantu abathandathu(6) ababhubhileyo ngelixa abasixhenxe(7) abonzakeleyo kwingozi ebibandakanya iveni kunye nesithuthi sikawonke-wonke sohlobo we(taxi) kuhola wendlela uR61 kufutshane nelali yaseCorana ngaphandle kwaseMthatha.

Lengozi yenzeke ngentsasa yayizolo malunga nentsimbi yesibhozo(07:40)

Kutyholwa ukuba iveni, nebinabakhweli abahlanu(5) abebesiya kumsitho wesintu kwindawo ekufutshane nelali iye yantlitheka ngasemva kwiteksi ebilayisha umntu ngeloxesha yaza yabhukuqa.

Onke amadoda amahlanu angasemva kwiveni abhubhele kwindawo yexhwayelo, logama umkhweli omnye (oyindoda) obekhwele eteksini uthe wabhubha.

Abonzakeleyo, kuquka nomqhubi weveni babalekiselwe esibhedlele benomonzakalo ukusuka kumabi kakhulu ukuya kwancinci.
Umqhubi weteksi ubaleke engenawo nomkrwelo.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwaye uphando lusaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks