Isikhumbuzo sosuku lolutsha lwangonyaka ka1976 lubeyimpumelelo kwiKomkhulu laseNqadu. Kaloku ngomhla we(16-17 June) ulutsha lwaseNqadu belubambe itumente yezemidlalo kwibala lebhola elikufutshane nebhotwe.
Letumete neyaqalwa okanye yasungulwa yiKumkani engasekhoyo uZwelonke Sigcau ngeenjongo zokuphuhlisa ulutsha noveza izakhono zabo kwezemidlalo kwanokubathintela kwifuthe leziyobisi nobundlobongela ekuhlaleni.
Lomsitho ubumhle siwubone uququzelelwa yiKumkanikazi yamaXhosa uNonzuzo Sigcau esebenzisana noNkosi Zanenkululeko Salakuphathwa kunye noNkosikazi Nobakhe Sigcau, onguSihlalo wendlu yaseBukhosini kwindlu yowiso mthetho eBhisho. INqadu ibime ngeenyawo isithuba sentsuku ezimbini neqalwe litheko lomculo ebelibanjwe kwiholo yoluntu yakuGatyane apho iqela leTZK belidushuza khona. IKumkanikazi nalapho ibilubekile unyawo kwaye ukhuthaza ulutsha ukuba luphakame kwaye lungadinwa ukwenza izinto ezizakubaphuhlisa.
Abantwana bebephume ngobuninzi ukuxhasa oogxa babo kuquka nembongi yeSizwe uMnu Zolani Mkhiva.
Ngethuba sincokola nomye wabatsha obeququzela kwicala lolutsha eNqadu uSakhele, uthi banethemba lokuba iingqungquthela ezikumila kunje azizukuphela eNqadu koko ziqhubeke kwaye ziphuhle kuba belulutsha lwasezilalini bajonhe lukhulu.
Ophethe iTZK ethetha neendwendwe zakhe nanjengoko enesiphiwo somculo uthi. “Ndinomqweno wokumamela umculo wam kunomathotholo kuba uThixo undiphile isakhono kwaye kudala ndinkqonkqoza.
Kwezemidlalo, amaqela aphumeleleyo afumene ikiti nemali esingazuyichaza kunye nebhola yokudlala.