24.1 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Ingozi emasikizi nesube kuquka nomphefumlo womtwana ominyaka mithathu(3)

Ngabantu abane(4) nabaquka inkwenkwana eneminyaka emithathu(3) ubudala ababhubhileyo, ngelixa ingabantu abane bonzakeleyo kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 phakathi kweMakhanda neNgqushwa.

Ngokwengxelo yeSebe leZothutho kwiPhondo leMpuma Koloni, yimoto yohlobo lwePolo VW Vivo ebinabakhweli abathathu, abasetyhini ababini kunye nenkwenkwana eneminyaka emithathu(3) ubudala(Bonke babhubhile) ebisuka eRhini, ngelixa iToyota LDV ebinabakhweli abathandathu(6) ibisuka kwicala laseNgqushwa ithe yagilana nesisithuthi ngentloko,okwenkunzi zegusha.

Ngelishwa, bonke abo bebekhwele kwiPolo bobathathu babhubhile kuquka nomkhweli omnye weBakkie bebhubhela kwindawo yexhwayelo.

Abonzakeleyo abahlanu ababekhwele kwiToyota LDV besindile,logama ababini(2) kubo befumene umonzakalo omasikizi.  Bonke basiwe kwisibhedlele sephondo saseSettlers eRhini ukuze bafumane uncedo lonyango olongezelelweyo. Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungenankathalo nokungakhathali kube ngunobangela wale ngozi. Njengoko indlela isalungiswa ilawulwa ngokumiswa kunye nenkqubo ukunciphisa ingozi yolu hlobo. Ityala lokubulala ngokungenhloso liza kuba se-Joza Saps ukuze kuqhutywe uphando oluthe kratya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
32 %
4.4kmh
100 %
Mon
26 °
Tue
29 °
Wed
15 °
Thu
19 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks