Babulewe kabuhlungu abasebenzi baka(Stop & Go) kuGatyane

Amapolisa aseMpuma Koloni kuGatyane, azingela abarhanelwa emva kokuba imizimba emibini yamadoda athile aneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesine ubudala (24) kunye namashumi amabini anesibhozo(28) ithe yafunyanwa lilungu loluntu kwindlela esecaleni kwendawo yaseNkelenkethe ngentsasa yayizolo elinye(18/05) malunga nentsimbi yesithandathu(05h50) eWillowvale.

Kuvakala ukuba abantu ababhubhileyo bebesebenza ebusuku kuronta osecaleni kwendlela owenzelwe abasebenzi abasebenza kukumiswa nokuhamba(Traffic Stop & Go) kwemoto kwiindlela ezisakhiwayo. Imizimba yabo ifunyenwe ngomnye umsebenzi nofike ezokubajonga. Kuphando kufunyaniswe ukuba banamanxeba eembumbulu entloko, ebusweni nasemadolweni, kwaye kungaziwa ukuba kwenzekentoni. Kwindawo yexhwayelo amapolisa afumane iikhatriji ezisixhenxe ezingenanto kunye neeprojectiles ezimbini.

Akukabanjwa mntu okwangoku kwaye iimeko ezijikeleze isiganeko zenza inxalenye yophando.

Onolwazi onokuthi ancede amapolisa abambe abarhanelwa angatsalela umcuphi uKapteni Baninzi waseWillowvale SAPS ku-071 843 6537 okanye inombolo yeSAPS Crime Stop 08600 10111.

Umkomishinala wesithili obambeleyo uBrigadiya uZinakile Freddie uvakalise umothuko wokubhubha kwabantu ababini abamsulwa kwaye amapolisa awazukushiya nto ingako kuphando kwaye azakuqinisekisa ukuba abarhanelwa bavalelwe ngaphaya kwezitshixo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA